12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Lihlatywe kade kakabini idindala laseGqeberha.

Umbutho wabasebenzi bakarhulumente (PSA) umemelele ukhuseleko kwiziko loluleko iSt Albans eGqeberha, kulandela ukuhlatywa kwegosa libanjwa ngoLwesine.

Olu hlaselo lwenzeke logama amagosa ebenika amabanjwa isidlo sakusasa kufutshane neholo yokutyela. Isithethi sePSA uMadoda Maxakana uthi eligosa lonzakele ebusweni nasezandleni ze wabalekiselwa kwisibhedlele saseLivingstone ukuze afumane unyango.

Ingxelo zithi esi sehlo sangoLwesine sisesesibini ukwenzeka kwiiveki ezininzi. Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, elinye igosa lahlatywa entanyeni nasemagxeni. UMaxakana uthi esisehlo besinokuphetshwa ukuba iSebe leeNkonzo zoLuleko (DCS) livale zonke izithuba ezingenabantu, njengoko iPSA isoloko ifuna njalo. Esithi I-PSA ibongoza iSebe ukuba livale izithuba ngokukhawuleza ukuze kuthintelwe obunye ubundlobongela nohlaselo olubulalayo kumaziko oluleko.

Abameli bePSA baya kutyelela amagosa enzakeleyo ukuze banike inkxaso yokuziphatha kunye noncedo. Isithethi sesebe lezoluleko, uSingabakho Nxumalo, ungqinile ukuba kukho ibanjwa elihlabe eli gosa lisebenzisa into ebukhali. NgokukaNxumalo, esi siganeko siyaphandwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks