Ingxelo: Maliviwe Pinda
Ngamashumi asixhenxe anesibhozo amaziko ezempilo athe onakaliswa kakhulu sisivuthuvuthu somoya kwiveki ephelileyokwiidolophu zaseMpuma Koloni.
Lo moya ubangele uqhushululu kwisithuba seentsuku ezimbini, nokwabangele okokuba kuphequke uphahla, ukophuka kweefestile neengcango, amaplanga kwanezitena, logama iibhodi (facia board)neegatha nazo zikrazulwe zatshatyalaliswa. Iintambo zombane kunye noqhagamshelo lothungelwano kwezinye iindawo ziye zachaphazeleka ngenxa yokuwa kweepali zombane. Ngaphaya koko, unikezelo lwamanzi nalo lwaphazamiseka ngenxa yokugqabhuka kwemibhobho yamanzi.
Amaziko angamashumi asixhenxe anesihlanu afumene umonakalo ophakathi ukuya komncinci, kunye neenkonzo eziqhubekayo njengesiqhelo. Umasipala ombaxa waseBuffalo City unelona nani liphezulu lamaziko ezempilo athe atshatyalaliswa ngamashumi amathathu anesine, nangona kunjalo, yinkonzo yempiloyaseZwelitsha Zone 5 kuphela eyonakele kakhulu, nto leyo enyanzelise ukuba isebe liyivale okwethutyana. Eli ziko liya kukwazi ukukhupha amayeza ezigulo ezondeleyo kuphela kabini ngeveki (ngoLwesibini nangooLwezithathu) ukusuka kwindawo, de kugqitywe ukulungiswa. Abo baqhele ukufumana iinkonzo kweliziko lempilo bayacetyiswa ukuba batyelele ezinye izibonelelo ezikufutshane ukuze bafikelele kwiinkonzo zempilo ezingxamisekileyo.
Kusenjalo, ngamaziko angamashumi amabini anesine athe onakalakakhulu kwisithili sase-Amathole. Iziko lempilo lakwaMelane eRaymond Mhlaba kunye nelaseMkholoza eMbhashe zicaphazelekekakhulu. La maziko mabini avalwe okwethutyana de kube kulungiswe uphahla lwawo olutshatyalaliswe lwaphela. Njengenyathelo lethutyana, iinkonzo zempilo ziyakubonelelwa kwamanye amaziko akufutshane abonelela uluntu.
Alishumi elinanye amaziko achatshazelwe sesisaqhwithi somoya kwisithili saseJoe Gqabi. Kumahlanu kuwo, anomonakalo omncinci. Impembelelo kwezinye iindawo ezintandathu zinxulumene neetanki zeseptic ezivuzayo nezingcolisa imijelo ekufutshane. Zonke izibonelelo zihlala zisebenza. Ukanti eO.R. Tambo, ngamaziko amane athe achaphazeleka. Inxalenye yophahla lweziko lezempilo iPort St Johns Community Health Centre ithe yonakaliswa, loxa ikliniki yaseNtshele imkelweluphahla kwindawo yokulinda. Oku kuye kwabeka izigulane kwiimeko ezimbi. La maziko mabini aphantsi komasipala iKing Sabatha Dalindyebo.
Ezinye iindawo zesibhedlele zaseCanzibe eNgqeleni ziquka ii-ofisi zolawulo kwakunye neefestile ezophukileyo ezithe zonakala.Akukho ziphazamiso kwiinkonzo kuzo zonke ezi ndawo. EChris Hani mathathu kuphela amaziko ezempilo awonakeleyo: isibhedlele saseCofimvaba, ikliniki yaseNcora neNkwenkwana eCofimvaba naseNgcobo ngokulandelelanayo.
Kwisibhedlele saseCofimvaba, izigulana ezimbini ezilaliswe kwigumbi lokubelekisa kwakunye nezinye ezimbini kwigumbi labantwana bathunyelwe kwisibhedlele, iAll Saints eNgcobo, emva kokuba uphahla lubhudlwe ngumoya ngamandla.
Nangona kunjalo, amanye amacandelo esibhedlele ahlala esebenza njengesiqhelo. Umonakalo wesakhiwo eNcora naseNkwenkwana ubuphelele kumakhaya abongikazi nakwigumbi levenkile ethengisa amayeza. Zombini ezi kliniki zihlala zisebenza.
Ukanti liziko lezeMpilo loLuntu eKorsten kunye neziko lempilo eKariega ezonakalisiweyo kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay Metro. Uphahla kunye neesilingi kuzo zombini ezi ndawo zonakele kancinane, kwaye ezinye iifestile zophukile. Omabini amaziko ayasebenza, kwaye ukulungiswa kulindeleke ukuba kuqalise kwakhona ngokukhawuleza. Ukanti akukho monakalo uchaziweyo kwisithili saseAlfred Nzo naseSarah Baartman.
Umphathiswa wesebe lezempilo ePhondweni, uNomakhosazana Meth, uthi uyavuya kuba kungekho mntu wonzakeleyo, “Sibulela kuzo zonke iiNkokheli zeMveli, ooCeba, uluntu noluntu ngokubanzi olusebenzisana neSebe ngeli xesha lentlekele yendalo. Oku kubonisa ukuba bayayiqonda impilo ngumba woluntu.
“Ezi meko zemozulu zimbi kakhulu zishiye umkhondo wentshabalalo, kwanyanzeleka ukuba iSebe lenze nzulu kuhlahlo lwabiwo-mali lwalo esele luthe chatha ukuze lilungise umonakalo. Sizimisele ukulungisa umonakalo ngokukhawuleza.”
Iindleko zomonakalo obanzi owenziwe yimimoya azikacaciswa ngokupheleleyo, kodwa ukulungiswa sele kuqalisiwe kumaziko anomonakalo omncinci. Izibonelelo ezinomonakalo omkhulu zibekwe phambili ukuphepha ukuphazanyiswa kweenkonzo ixesha elide.
Njengenxalenye yesicwangciso, isebe liya kubonelela ngeenkonzo ezihambahambayo kuluntu oluchaphazelekayo.

