Lincuthu mazangwa kwisapho lakwaSomdizela eFlagstaff

Luchulumancile usapho lakwaSomdizela kwilali yaseSiphaqeni eFlagstaff emva kokuba iqela lezopolitiko i-ATM linikezele ngendlu enefenitsha kulo ngoMgqibelo umhla weshumi elinesibhozo (18) kuCanzibe.

Olusapho luthi apho belihlala khona bebengenayo nebhedi le yokulala nanjengoko belala phantsi. UNontethelelo Somdizela oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala nolilungu losapho uthi uvuyela nokubona ifenitshala, izitulo zokuhlala izitovu zokupheka kuba oko wabangumtu ezizinto zinjena zange wazibona kokwabo, nanjengoko balahlekelwa ngabazali besebancinci.

Uqhube ngelithi “ekhaya sibaninzi kwaye sonke singanantombazana asibhozo, mna ndiphila ngokuthengisa esitalatweni ngetafile eNatal kwaye bendibanexhala xa ndimkile ndishiya abantwana basekhaya bodwa kwindlu evuzayo.”

IATM ithathe uxanduva lokuthenga umhlaba ukuze ikwazi ukwakhela olusapho nolufudukiswe eliweni ebelikufutshane emfuleni, iyindawo ebingakulungelanga ukuhlala umtu.

Sithetha nje abahlali bakwa ward 9 eSipaqeni bancume olukablankethi nanjengoko bevuyela esisipho.

Inkokheli yeATM uVuyo Zungula uthi kubuyisela isidima ebantwini abamnyama ngumba abawubekele phambili. Esithi ke lombutho waqalwa ngenjongo zokunceda abantu. “Sikwenza oko ngezixhobo zethu ezingonelanga kodwa siqinisekisa ukuba sinceda abantu. Ukhumbule ukuba oku sikwenza sinezitulo ezimbini qha ePalamente kazwelonke, lonto ithi xa sinoba nezitulo ezininzi singenza lukhulu.” iqhube watsho Zungula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.1 ° C
13.1 °
13.1 °
84 %
2.8kmh
19 %
Mon
13 °
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA