I ANC izakuphatha uthanda ungathandi:Ramaphosa

Umongameli weAfrican National Congress (ANC) uCyril Ramaphosa ugxeke abantu abagxekayo abakholelwa ukuba lo mbutho uzakufumana ngaphantsi komyinge wamashumi amahlanu ekhulwini (50%) kunyulo oluzayo.

URamaphosa uthi uqinisekile ukuba iANC izakufumana isininzi esicacileyo kunyulo lukazwelonke oluzayo. Umongameli weANC ukuthethe la mazwi ngoMgqibelo eGreytown, KwaZulu-Natal, apho kungoku nje ekhankasela umbutho wakhe. “Kukho abangathandi ukusibona siphumelela. Ndifuna ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kuCanzibe, ndibabonise ukuba umphathi eKZN yiANC. Ndifuna babone kakuhle ukuba iANC iyalawula, kwaye iza kulawula eMzantsi Afrika. Uthanda okanye awuthandi. ”

URamaphosa ubongoze abavoti abangaphezulu kwezigidi ezingamashumi amabini anesixhenxe ababhalisele ukuvota ukuba bathathe uxanduva ngekamva labo ngokuqinisekisa ukuba bayavota ngomhla wamashumi amabini anesithoba kuCanzibe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA