Linikezele ngezithuthi ezingama 73 isebe lezempilo namhlanje

Isebe lezempilo ephondweni lithi injongo yolunikezelo kukuqinisekisa ukhathalelo lwempilo olusemgangathweni kubo bonke ngeNkqubo yezeMpilo yezithili eyomeleleyo.

Umphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Koloni u Nomakhosazana Meth uthi ukuba nezizithuzi zinee khliniki kuncedisa kakhulu, ekhankanya ukuba zingana – 75 zizonke izithuthi ekuthe kwanikezelwa ngazo namhlanje. Esithi ekuqaleni kwalonyaka isebe belinikezele ngezithuthi ezingama 54. U Meth uth isebe belithembise uluntu ukuba belisebe bazimisele ukunikezela ngezithuthi ezili-134 xa kuphela lonyaka. Esithi ke zintlanu kuphela kungoku nje izithuthi ezishiyekileyo, khona ukuze isebe lifezekise izithembiso zalo ubemi beliphondo.

“Inkongo yethu kukuba abantu bakowethu bangaxhomekeki ekuyeni kumaziko omthola-mpilo azizigxina (Clinics), ngokuba ngamanye amaxesha kuyagcwala bangawazi ukuncedakala. Xa senjenje sizama ukothula ulwamvila kumaziko ezempilo wakunye nokusondeza inkonzo yezempilo kuluntu jikelele lephondo leMpuma Koloni” uvale ngelitshoyo u Meth

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA