Liphila ubomi bentshontsho inina laseLimpopo kulandela ukungabanjwa kweqabane lakhe nakholelwa ukuba litshise indlu yakhe.

Liphila ubomi bentshontsho inina laseLimpopo kulandela ukungabanjwa kweqabane lalo.

Nangona ilizwe libhiyozela inyanga yenkululeko, inina laLimpopo lithi liphila ngokungcungcutheka emva kwesiganeko esimshiye onzakele, umntwana wakhe eswelekile nendlu, kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

UTshisanne Siobo waseMuruwa eNzhelele cebukuhle eThohoyandou ukholelwa ukuba sisinqanda mathe sakhe esitshise indlu yakhe, egumbi-linye ngethuba yena nentsana zakhe ezimbini bengaphakathi.

Omnye wabantwana uswelekele esibhedlele enamanxeba okutsha ukanti yena umama wabantwana usachacha.

Lo kaSiobo oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, uthi ulivulile ityala emapoliseni kodwa umsolwa akakabanjwa, yaye ubathembisa ngokubabulala nomntwana osindileyo.

Isithethi samapolisa kula mmandla uMamphaswa Seabi uthi umrhanelwa usaduke nezwe kodwa bengamapolisa bathembisa ukuza naye ngaphambili kungentsuku zatywala.

Ingxelo:Mncedi Mbombo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.1 ° C
16.1 °
16.1 °
92 %
4.2kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA