ICandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo-mthetho lwezeSondo eMt Ayliff liphinde lajongana nomnye umrhanelwa wodlwengulo, ekukholelwa ukuba ungumfundisi ngenjikalanga yomhla we 23 kuTshazimpuzi ka2022 kwindawo yaseShugarbush, eMount Ayliff.
Ulwazi olithe vetshe lubonisa ukuba ixhoba lalisekhaya nabantwana abancinci emini, ngethuba lendoda ekuthiwa nguMfundisi webandla lasekuhlaleni yafika ibuza abazali. Ingxelo iqhuba ithi wemka waphinda wabuya ngorhatya wahlala kwade kwarhatyela abanye abantwana sele belele.
Kutyholwa ukuba wasebenzisa elo thuba ukubamba intwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu(16) ubudala kwaye waqala ukuyidlwengula. Esi sehlo senzeka ngoSeptemba ka-2021, kodwa umntwana akazange axele ngelo xesha de wabonwa lusapho.
Iimeko ezijikeleze esi sehlo ziphantsi kophando. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu ananye(31) ubudala wabanjwa emva koko wabekwa ityala lokudlwengula. Kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi yaseMount Ayliff ngoMvulo umhla we25 kuTshazimpuzi ka-2022 ngezi zityholo zokudlwengula.
UMkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uwuqhwabele izandla umsebenzi oncomekayo nokuzinikela kwamapolisa aseMount Ayliff, ngokuzimisela kwawo ekupheliseni ubundlobongela obusekelwe kwisini kwisithili saseAlfred Nzo. Umrhanelwa usavalelwe de avele enkundleni.