Liqikelelwa ngaphaya kwe-4.5 million ixabiso lecuba elingekho mthethweni elifumaneke kwingozi e-Nciba

Ebiqale iyiNgozi yeSigadla kuhola wendlela u-N2 ijike yaba kukubanjwa kwemfumba yecuba elingekho mthethweni ebelisele likufuphi ukungena eQonce ukuzokongeza kurhwebo olungekho mthethweni lwe-Cigarette eMpuma Koloni.

Isigadla esingu-10 ton ebesisuka e-Durban sisiya eQonce siye saphuma endleleni saza sawela emithini ekumganyana kude-kufuphi nendlela kwi-Kei Cuttings. Kodwa eyothusa ngakumbi ivele  xa amapolisa evula iBhokisi ebezingaphakathi kuleLori, apho kuthe kwafunyanwa inkitha yecuba elingekho semthethweni ekuquka eziluhlobo lwe-Caesar Gold ne777, zigcwalise umgangatho wonke osemva kwisigadla.

Amaxwebhu omqhubi ochazwe njengo ngumi waseBurundi edibene nawomthwalo ebecelwe ukuba awathi thaca,aye othusa ngakumbi njengoko athe  awangqamana ncam, nto leyo eyenze kwangoko kucelwe ungenelelo lwamagosa akwa-SARS Customs ukuzokuqhuba uvavanyo olunzulu lwalomthwalo kwakunye noqikelelo lwamaxabiso.

Ekuqhubeni kwabo uphando bebambisene ne-Hawks, SAPS  uphando lwabo lufumanise ixabiso noqikelelo olungaphaya kwezigidi eZine zeRandi. Ze emva Koko wadluliselwa elugcinweni kwa-customs umthwalo ukuze abasemagunyeni baqhube nophando olupheleleyo.

Le ngxelo ibonisa kwakhona ukuba urhwebo olufihlakeleyo nolungagunyaziswanga lweempahla ezingekho mthethweni luyakhula, lusebenzisa iindlela zeli ukuhambisa iimpahla zomgunyathi.

  1. Ngokomthetho, urhwebo gwenxa aluvumelekanga eMzantsi Afrika kwaye  olu hlobo lokurhweba luphembelela ulwaphulo-mthetho kwaye luyayidodobalisa nengeniso yerhafu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
22.2 ° C
22.2 °
22.2 °
40 %
7.7kmh
21 %
Mon
20 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA