Uyityityimbisele umnwe i-Melika uKganyaro!

Ingqonyela ye-Bhanki yeSizwe uLesetja Kganyago uthi isigqibo seLizwe laseMelika  sokungamemi uMzantsi Afrika kwiG-20 yonyaka ozayo sinokuyonakalisa le ndibano yehlabathi.

Ngelixa uKganyago ebethetha no-Nondaba ngolwesihlanu, uthe uMzantsi Afrika ubelilungu le-G20 ukusukela ekusekweni kwayo ngo-1999, yaye akukho lizwe — nokuba lelizwe elohlwayiweyo njengeRashiya — elakhe laxelelwa ukuba alamkelekanga kulendibano ngaphambili. Ugqithise wathi i-G20 ngokokusekwa isebenza ngemvumelwano nemvisiswano phakathi kwamalungu onke, hayi ilizwe elinye lizigqibele.

Oku kulandela isibhengezo sikaMongameli wase-US uDonald Trump sokuba akazi kuwumema uMzantsi Afrika kwindibano ka-2026 eMiami.

I-Melika iza kuba kuthabatha isikhundla sokongamela i-G20 ukusukela ngomhla wokuqala ku Disemba. UTrump ukwakhokhelise izityholo ezingaxhaswanga bubungqina zokuba uMzantsi Afrika wenza iziganeko ezasikizi nezingena buntu“ukubulala amaFama amhlophe kwinto ayichaza njenge nempembelelo zobuhlanga”.

Ebutsheni balenyanga, i-Melika iye yasikhaba isimemo sokuzimasa i-G20 ebibanjelwe eRhawutini, igxeka indlela ebilungiselelwa ngayo.

UKganyago uthe ukushiya uMzantsi Afrika ngaphandle kungadala umkhwa ombi onokwenza namanye amazwe asuswe kwixesha elizayo. Ukanti nezinye iinkokeli zehlabathi zibonise inkxalabo ngesisibhengezo.

UMphathiswa omkhulu waseJamani, uFriedrich Merz, uthe i-G20 iseliqonga elibalulekileyo lokusebenzisana kwamazwe ngamazwe.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA