17.6 C
King William's Town
Saturday, December 7, 2024

Lisekhona ithemba lendondo ngokweziphumo zaphezolo

Kusekho ithemba lendondo kungenjalo iindondo kwiqela loMzantsi Afrika kwiParis 2024 olimpiki. Apha kwisihlanu(5) esijonge kubo emva kwaphezolo.

UPage Badenhorst ngomnye esinethemba lakhe singuMzantsi kuba phezolo uphumelele kwiisingles kumanduleka kamagqibela kankqoyi, kungoku nje uzakuthabatha inxaxheba kumagqibela kankqoyi ngoMgqibelo umhla wesithathu(03) kweyeThupha.

Omnye ekuthenjelwe kuye osethubeni lokongeza kwezi zikhoyo iindondo nguTitjana Smith usethubeni lokubuya nenye indondo emva kokuphumelela igolide kumgama wekhulu(100m) kwibackstroke uSmith uphinde wanethuba kumgama wamakhulu amabini(200m) kwibackstoke.

USmith uyakuba yindadi yesibini(2) kwihlabathi ukuphumelela igolide kabini(2) kwibackstroke, elorekhodi lagqityelwa ukwenzeka ngommi walapha eMzantsi uPenny Heyns nowathi waphumelela iigolide ezimbini(2) kwibackstroke ngonyaka ka1996 eAtlanta.

Yena uPeter Coetze ufikelele kumandulrmela kamagqibela kankqoyi kumgama kumakhulu amabini(200m) kumadoda. Nate ulelinye ithemba esijongekulo.

uHenri Schoeman nowathi waphumelela ibronze kwitriathlon ngonyaka ka2016 esothusa anmbaninzi nangoku usethubeni lendondo kwirowing.

Kwaphezolo kunjalo iqela labasetyhini lehockey liphinde labethwa isihlandlo sesithathu(3) lelaseNetherlands ngamanqaku amabini kwelinye(2-1), onke lamatyeri uMzantsi ubusoloko ukhokela kuba balifaka kuqala inqaku kodwa uphele umdlalo bebethiwe. Okhothemba kweli iqela konke konke.

UVickie van der Merve naye angasethubeni kwiindadi.

UKaylene Corbett uphume isibini(2) emva koSmith ophume ekuqaleni(1) nofumene ithuba kumandulela kamagqibela kankqoyi.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.6 ° C
17.6 °
17.6 °
81 %
2kmh
66 %
Sat
24 °
Sun
29 °
Mon
28 °
Tue
30 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks