Kulindeleke ukuba kuqhutyekwe novavanyo lwemibuzo kwityala lokubulala abantu abaninzi eLusikisiki eMpuma Koloni njengoko lifikelela esiphelweni kule veki.
Lo mba uzakubuyela kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ehleli eLusikisiki ngoLwesibini, umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMsintsi 2025.
Inyanga yoMsintsi iphawula kanye unyaka ukususela kwindyikityha yokufa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18). Kodwa uMbuso usazama ukuza nobungqina kwelityala, nengqina loMbuso eliphambili liye lawisa iinkcukhaca ezitshisayo enkundleni.
ULwandi Abi, olingqina loMbuso wabelane ngeekncukhaca zesityholo sokubandakanyeka kweqela lamadoda atyholwa ngokubulala abantu abaninzi. Ukwaveze ukuba nguye owayebaqhubela oonqevu kwilali yaseNgobozana ngethuba kusenzeka esi siganeko.
Ukwanxulumanise umtyholwa wokuqala, uMzukisi Ndamase, namanye amatyala okubulala ngaphandle kweli laseLusikisiki.
UNdamase utyholwa ngokucwangcisa le ndyikityha yokufa ngelixa evalelwe, kwaye kulindeleke ukuba aqhubeke nokubuza u-Abi ngemibuzo nanjengoko ezimele ngokusemthethweni.

