Udubule kuqala umrhanelwa ngakumapolisa, kwabe kukutshaba kwakhe.

By Nyameka Lamani.

Ukudubulana phakathi kwamapolisa nomrhanelwa kubangele isiganeko esiphembelele ekubulalweni komrhanelwa kwindawo yaseMacibe ngaphandle kuCentane, ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12) kweyoMsintsi 2025.

Esi sehlo silandela emva kokuba amapolisa ebesenza umsebenzi wawo aze azama ukumisa agqogqe isithuthi edolophini. Umqhubi weveni yohlobo lweToyota uye wanyusa isantya, aze amapolisa aleqisa.

Isithuthi somrhanelwa saya kwicala laseMacibe waze umqhubi waso wamisa phakathi nendlela waqalisa ukudubula amapolisa aza asabela, umrhanelwa oneminyaka engamashumi mathathu anethoba (39) ubudala uye wabhubhela kumonzakalo wakhe.

Kuphando bafumene umpu we-9mm kunye nemagazini enembumbulu. Idokethi lophando kunye nelokuzama ukubulala livuliwe kwaye liza kuthathwa yi-IPID ukuze iphande.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA