Liyaqhuba ityala lokutyiwa kwemali yongcwabo kaMandela

INkundla ephakamileyo yaseBisho iye yava ubungqina bokuba kwaku nyanzelekile ukuba kusetyenziswe isolotya lokutyeshelwa kwe nkqubo ye ntengo ngelixa kuququzelelwa umngcwabo kaNelson Mandela ngo2013.

Oko kuvele ngethuba lobungqina lo wayesakuba nguManejala woMaspala iBuffulo City Metro uAndile Fani. Ebelingqina lesithathu ukukhwela emkhumbini kwityala lebholo le nkonzo ka Nelson Mandela.

UFani uxelele le Nkundla ukuba, ngexesha lemo yonxunguphalo ukutyishelwa kwale nkqubo yentengo kwa mnkelekile kodwa oko kufuneka kuphunyezwe liGosa elijongene nemicimbi yezimali IAccounting Officer ngelase Mzini.

Esith ukubhubha kuka Nelson Mandela kwakubonwa njenge xesha lonxunguphalo, kungoko ke uMaspala wanyanzeleka ukuba asingise koo vimba bakhe ukufumana imali ngenxa yokuba kwaku ngekho lwa biwo mali lalonto.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA