19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Ilokishi yaseSamora eKapa iye isonyukela ngobundlobongela.

AmaPolisa esixeko saseKapa kwiPhondo leMpuma Koloni, asungule uphando emva kokuba omnye wooGxa wabo edutyulwe wanabela uqaqaqa ngalentsasa yanamhlanje.

Eligosa lesiPolisa neli neminyaka engamashumi amathathu anethoba ubudala nebelisebenza kwi Sikhululo samaPolisa esiku mbindi wesixeko, belibuyela ekhayeni lalo emva kokusebenza iiYure ezilishumi elinesibini.

Kutyholwa ngelithi eligosa lesiPolisa lidutyulwe phambi kwendawo elihlala kuyo kwi Lokishi yaseSamora.

Abecuphi kwakunye neengcali ebezihlola kwindawo yexhwayelo bezilandela umkhondo kwisitalato iOliva Tambo Drive kwakula Lokishi ngentsasa yanamhlanje, nalapho eliPolisa liye ladutyulelwa khona.

Ukanti ukuzothi ga ngoku akukabikhomtu ubanjiweyo ngesisiganeko kwaye uphando lusaqhuba.

Ukanti uMkomishinala wamaPolisa uNjengele Tembisile Pathekile uvakalise amazwi ovelwano kuSapho nezihlobo zexhoba.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks