Liyaqhuba ityala lombulali kaVicki Terblanche namhlanje eGqeberha.

By Lilitha Phenduka.

Ngaphambili uMtshutshisi kaRhulumente uMarius Stander ubalule iminxeba eyenziwa ngowayesakuba ngumyeni kaVicki, uArnold, kwi ofisi yeebhasi i-Intercape ngenjikalanga yomhla wamashumi amabini (20) kwinyanga yeDwarha, mhla umfi wayesele esusiwe ekhayeni lakhe.

ULeach uthe ngelo xesha, u-Arnold wayesele exelelwe ukuba uVicki ubulewe, kwaye wamcela ukuba amthengele amatikiti we bhasi ukuze abantywili bakhe babuyele eKapa. Intlawulo yeeselfowuni ibonisa uTerblanche etsalela umnxeba kwakhona i-Intercape kusuku olulandelayo.

ULeach ungqinile ukuba wanikwa imali kunye nendawo yokuhlala nguTerblanche, kwiiyure phambi kokuba iofisi yeebhasi imtsalele umnxeba, u-Arnold wathumela umyalezo kuLeach evakalisa ithemba lakhe lokuba akukho kungaqondani phakathi kwabo.

U-Arnold akazange afune nxaxheba kwinto eyenziwa nguLeach malunga nokucela iimoto ezikhawulezayo kunye nezikhephe, ngokuqinisekileyo wayeziqhelanisa necebo lokubulala. Lo kaLeach uthe uyavuma ukunika ubungqina ngokuchasene noTerblanche kurhulumente.

Ngale ntsasa i-SABC idize ukuba njengommeli wombuso, uMarius Stander uluqukumbele uviwo lwakhe enkundleni, uLeach ukukhanyele ukuba wambetha uVicki de ukuba uyabhubha kodwa uStander uchazile ukuba uLeach wayenomdla wokubulala uVicki kuno-Dylan Cullis awayetyholwa naye. ULeach ukwangqinile ukuba emva kokubulala, yena noTerblanche bathetha ubuxoki baxelela unyana kaVicky, uRueben ukuba umama wakhe usesibhedlele ngenxa ye-COVID19.

Ukhuselo lombuso buzakuqukunjelwa ngeengxoxo zokuvala ngoLwesine ngomhla wesithandthu (6) kweyoKwindla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA