USapho lwaseMpuma Kapa luza kulala ngoxolo emva kokuba ijoni libuyile eDRC.

By Lilitha Phenduka.

I-SANDF ityholwa ngokunganikezi uhlaziyo kwiintsapho ngempilo yamajoni esemfazweni.

Usapho lwase Mpuma Kapa lulele ngoxolo ngoku emva kokuba unyana walo owenzakeleyo ebuyele eMzantsi Afrika esuka eGoma, eDemocratic Republic of Congo, apho ebesebenza kwiphulo lokugcina uxolo.

UVelile Mpikashe, ongumalume wejoni uPhumzile Ndayi, (39) nonguTata wabantwana abathathu eLibode, uthe umtshana wakhe unyangwe kwisibhedlele somkhosi eTshwane. Usapho luchulumancile kukwazi ukuba uNdayi ebuye ekhuselekile kweli lizwe.

“Ujongwe ngugqirha, kwaye wasixelela ukuba uphilile. Siqinisekile ukuba bayamsebenzela ukuze amelane namava adityaniswe nawo, nokuba abuyele kusapho lwakhe,” utshilo u Mpikashe kwaye uchaze uNdayi njengendoda yosapho ebathanda kakhulu abantwana bayo kunye nenkosikazi yakhe, okwalijoni.

Phambi kokuba uNdayi abuyele eMzantsi, uMpikashe uvakalise ukuphoxeka ngumKhosi Wokhuseleko weSizwe (SANDF), esithi ayiphumelelanga ukubahlaziya ngentlalo-ntle yakhe. UMpikashe uthe ngexesha ebona iingxelo zokuba konakele e-DRC uzame uqhagamshelana nomtshana wakhe owathi ngenene kubi. Emva kweentsuku ezimbalwa waphinda wanxibelelana nokaNdayi malunga nongquzulwano oluqatselayo apho amxelele ukuba akhonto ilungayo kwaye uphelelwa ziimbumbulu kwaye belusapho balindele nantoni na.

Ngosuku olulandelayo uNdayi wathumela imifanekiso yakhe egcwele igazi ebusweni.

Usapho lubanga ukuba ebengafikelekanga kubo ngomnxeba, ngebabenga yazanga into eyenzekayo kuba akukho mntu wayesiza kubo enolwazi.

Lo kaMpikashe ugqibezele ngelithi bebesoloko bexhalabile kwaye benoxinzelelo xa amajoni engekho ekhaya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA