By Esona Magawana
Iqalile izolo(21/10) Inkqubo yeveki yonke yokuzisa iNdlu yoWiso-mthetho ebantwini. Le nkqubo ibanjelwe kwiholo egcweleyo yeHotele i-ICC kuMasipala oMbaxa waseBuffalo City eMonti.
Ngexa lokuqhutywa komsebenzi wale Nkqubo, abathathi-nxaxheba bafumene iingxelo ezithwe thaca ngooSihlalo beeKomiti zeMicimbi emibini, ezi zingoPhuhliso lweNtlalo noPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yokuSingqongileyo kunye noKhenketho. Amalungu oluntu amele iiwadi ezahlukeneyo eBCMM nawo anikwe ithuba lokuthethathethana nokuphefumla ngeengxelo kunye nemiba ephakanyiswe kabukhali equka imiceli mngeni abajongene nayo efuna ungenelelo lwale Ndlu yoWiso-mthetho.
IMAGE : (Garth Potgieter)
Ngeli phulo le-ndlu yowiso-mthetho iphumeza uxanduva lwayo ngoko mgaqo-siseko lokongamela iinkqubo zikarhulumente kwaye ijolise ekuqinisekiseni ukuba imiba echaphazela abantu iyasonjululwa kwakunye nokwazisa abahlali ngokuziswa kweenkonzo eluntwini.
Eli phulo lale nkqubo lizakuqhuba de kube yimpela Veki.
IMAGE : (Olwethu Mabhala)
Ephendula kwimibuzo uMEC Bukiwe Fanta weCandelo Lophuhliso Loluntu uthe owonamcelimngeni mkhulu wesebe kukunqongophala kwezemali,njengoko lingenalo uhlahlo-lwabiwo mali lokuhlangabezana neemfuno ezithile ezifunwa luluntu.
“Ukunqongophala kohlahlo lwabiwo-mali kwesebe kube ngumqobo omkhulu, nto leyo edala umahluko omkhulu kwezemali. Nangona kunjalo, ndiye ndajongana neNkulumbuso malunga nokwabiwa kwemali ndibongoza ukuba bangashiyi ngaphandle ooNontlalontle kuba isikhalo sininzi. Wongeze wathi “Ndiza kutyelela ii-ofisi ezahlukeneyo, eziquka iSebe lezeKhaya nezaseKhaya kwa-SASSA, ukujonga indlela abaziphatha ngayo abaqeshwa kuwo onke la maziko.”
Kumazwi akhe okuvala ubongoze uluntu ukuba luthandazele ilizwekazi uMzantsi Afrika.
“Ndikwabongoza uluntu ukuba luthandazele ilizwe, endikholelwa ukuba lidinga ungenelelo oluphezulu luka Thixo, xa ndicaphula iziganeko eziphazamisayo ezifana nokubulawa kukamama ngumntwana wakhe kunye nokudlwengulwa kwabantwana abaneminyaka emihlanu nangaphantsi lonto ibonisa imfuneko yokukhokelwa ngokomoya nokungenelela kwabefundisi.”



