16.3 C
King William's Town
Monday, April 8, 2024

Lizakujongana nezityholo ezongezelelweyo Igqwetha laseMonti

Igqwetha laseZimbabwe elityholwa ngokuqhatha abathengi balo kwiRoad Accident Fund (RAF) ngezigidi zeerandi, livele phambi kwenkundla kamantyi waseMonti ngoLwesine ngesicelo sebheyile esisemthethweni.

UManfred Chinamasa oneminyaka engamashumi amahlanu anesibini (52) nowayengumhlohli kwiYunivesithi yaseFort Hare nonenkampani yamagqwetha kwisiXeko, ubanjwe libutho looKhetshe kwikhaya lakhe eBeacon Bay ngezityholo zobuqhophololo.

Isicelo sebheyile simiselwe umhla wama-22 kweyoMdumba apho kuzakongezwa amanye amatyala.

Elinye lamaxhoba akhe uZikhona Flepisi udize ukuba Ebengumfundi eFort Hare kwaye ebefuna iinkonzo zikaChinamasa emva kokuba uyise uZwelinzima Mceka wafumana ingozi ngo2018.

“Bendicinga ukuba neenkqubo ezisesikweni kwaye uya kuba nakho ukunceda kuba wayenodumo afanele alubambe.”

Uthi xa uChinamasa ethatha eli tyala, wachaza ukuba uvumelekile ukuba athathe i-25% yayo nayiphi na imali enikezelwa yingxowa-mali.

Ngo-2021, iRAF yahlawula malunga ne-R1.1 yezigidi kwi-akhawunti ebhaliswe phantsi kwegama lomrhanelwa. Nangona kunjalo, uFlepisi uthi bacetyiswa ukuba abazukufumana le mali ngaphandle “kwengxelo yokudluliselwa” kwaRAF.

“Siqhubekile naye sade saya kwiRAF malunga nale ngxelo, saxelelwa ukuba akukho ngxelo enjalo. UChinamasa ebefanele ukuba usihlawule ngoNovemba ka-2021.”

Usapho lakwaMceka lufune elinye igqwetha laze laya kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhini ukuze igqwetha linyanzeleke ukuba lihlawule ibango.
Ijaji igwebe icala labo, nangona kunjalo, uChinamasa akakayihlawuli imali engaphaya kwamakhulu asibhozo amawaka eerandi (R800 000).

UFlepisi uthi uyise, ebehlala etyotyombeni ubomi bakhe bonke, wayekukhuthalele ukwakhela usapho lwakhe indlu, “lilishwa ukubhubha kwakhe engekamboni uChinamasa ematyaleni ngezityholo zakhe.”

Umtshutshisi ochophele eli tyala uAdvocate Siphamandla Ngxokolo uthi baninzi abantu abasezayo kwaye kulindeleke ukuba kongezwe amatyala ngakumrhanelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
moderate rain
16.3 ° C
16.3 °
16.3 °
96 %
1.1kmh
100 %
Mon
19 °
Tue
24 °
Wed
18 °
Thu
17 °
Fri
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks