Kuqhambuke umbhodamo kuN6 eMpuma Koloni ngenxa yoqhankqalazo

Ivaliwe indlela uN6 ngaseCathcart eMpuma Koloni ngoLwesine, ngenxa yoqhanqalazo oluthe gqolo ukuphangwa nokutshiswa kweelori, logama izithuthi zabucala zixulutywa ngamatye.

Isithethi sezoThutho ephondweni u-Unathi Binqose uthi amagosa omthetho asaqhubeka nokubeka iliso le meko.

Olu qhankqalazo luqale ekuqaleni kwale veki, abahlali bekhalazela ukuthotywa kwenqanaba lesibhedlele saseCathcart ekubeni sisiwe kwindawo yezempilo.

UBinqose uthi uMphathiswa wezoThutho uXolile Nqatha umemelele kubahlali ukuba bazikhwebule kwizenzo zolwaphulo-mthetho ezinje.

“Isebe lezothutho eMpuma Koloni liphawule ngenkxalabo enkulu, uqhanqalazo oluphazamisayo nolutshabalalisayo olubonakala lucwangciseke kakhulu olujolise kwimizila emikhulu yelizwe, u-N6 ngaseCathcart. Uhola wendlela uN6 yindlela edibanisa iidolophu ezifana neMonti kunye neQueenstown namanye amaphondo afana neRhawuti kwaye umphathiswa wezothutho uXolile Nqatha ulumkise abenzi bobubi nabaququzeleli bolu lwaphulo-mthetho ngelithi, bazojongana ngengalo yomthetho. ”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA