Lizakuqalisa kwakhona ityala lokubulawa kukagqirha waseZwide

I-Ofisi yoMlawuli woTshutshiso loluntu isezakuthatha isigqibo sokuba ingaba inkosikazi yaseGqeberha, ekutyholwa ukuba iqulunqe icebo elibanzi lokubulala owayesakuba ngumyeni wayo, lizakuxoxwa kwinkundla ephakamileyo kusini na.

U-Ethel Noqekwa oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala obekwe ityala lokubulala ugqirha Bantu Noqekwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala uvele ngokufutshane kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12). Ngexesha lokuvela kwakhu uNoqekwa ubekunye nabanye atyholwa nabo: u-Andile Jongi, uSiyabulela Gcayiya, uAthule Mtyobile kunye noMphumzi Ndzimela.

Umtshutshisi wombuso uVuyani Vaveki uxelele inkundla ukuba isigqibo malunga nendawo elizakuchotshelwa kuyo ityala sisezakusiwa. Ngaphambili uMbuso wachaza ukuba uphando lwabo lugqityiwe.

UNoqekwa ukhululwe ngebheyile kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha kweyoMnga, ngesibheno, ngethuba iJaji yasikhaba isigqibo sikaMantyi waseNew Brighton owanqanda ibheyile yakhe.

Utyholwa ukuba wenza iyelenqe lokubhubha kukamfi encediswa ngumntu ophakathi, nothe wajika waba lingqina likarhulumente.

Ngaphambili inkundla ive ukuba unyana wakhe uye wavunyelwa ukuba angene kwityala lokubulala nanjengoko engumabi welifa likamfi, nto leyo ethetha ukuba kuza kufuneka akhulule imbuyekezo yababulali.

Izibulo lesi sibini kutyholwa ukuba lalivumelana nomama walo. UJongi, uGcayiya, uMtyobile, noNdzimela bazakuhlala eluvalelweni kude kuqosheliswe ityala. Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesine (-14) kuCanzibe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
87 %
2.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA