18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Ichithiwe ibhodi yakwa NSFAS

Umphathiswa wemfundo ephakamileyo uBlade Nzimande uyichithile ibhodi yesiqgeba seSizwe soNcedo lwezeMali zaBafundi (NSFAS) kwangoko

Kananjalo ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12) usibeke phantsi kolawulo. Oku kuza emva kokurhoxa kukasihlalo webhodi yeNSFAS u-Ernest Khosa ngoLwesine.

Kwingxelo yakhe uNzimande uthe uyayazi kwaye ukhathazeke kakhulu nengxaki ehlala ihleli yokungahlawulwa kwezibonelelo zabafundi nguNSFAS. “Ngenxa yobukhulu bale ngxaki nefuthe layo elibi kwimpilo-ntle yabafundi nokuqhubeka nokusebenza kwenkqubo yethu yemfundo noqeqesho lwasemva kokuphuma kwesikolo, kwezi ntsuku zimbalwa zizayo, umphathiswa uya kube ethatha uthotho lwamanyathelo awongezelelweyo naqinisekileyo, zonke ezo zinto zijonge ukuba ingxaki yokungahlawulwa kwezibonelelo isonjululwe njengento ephambili,” utshilo.

Njengenxalenye yolu “ngcelele lwamanyathelo aqinisekileyo”, uNzimande uthe uyalele iNSFAS, exhaswa lisebe, ukuba iseke ngokukhawuleza igqiza elizimiseleyo eliza kutyelela zonke ii-TVET kholeji neeYunivesithi, apho abafundi bafumana iingxaki ezinkulu ezinxulumene noNSFAS.

Ukanti uthe iqela elijongene nomsebenzi sele liqalile ukusebenza. “Umphathiswa ukwanqwenela ukuthatha eli thuba ukuba axolise ngokungazenzisiyo kubo bonke abafundi abachaphazelekayo ngenkxamleko abathe bayifumana, ngenxa yokungahlawulwa kwezibonelelo,” utshilo UNzimande kwingxelo yakhe

Kusenjalo, iManyano yabafundi yoMzantsi Afrika iSAUS ilamkele eli nyathelo, isithi ukuchithwa kwebhodi yeNSFAS kudala kwagqitywa. Isithethi se-SAUS u-Asive Dlanjwa naye umemelele “uhlengahlengiso olupheleleyo kulawulo lwe-NSFAS”.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks