Lizibekele iveki ezimbini kuphela isebe lezothutho ukuhlawula izithuthi zabafundi ezingakahlawulwa

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi lizimisele ukuba zonke ii-invoyisi zothutho lwabafundi ezishiyekileyo, ezisemthethweni neziqinisekisiweyo zihlawulwe kwiiveki ezimbini ezizayo. Ubuncinci ngumyinge wamashumi amane ekhulwini (40%) yee-invoyisi ezifakiweyo ziqinisekisiwe ngempumelelo kwaye zilungele ukuhlawulwa.

Amagosa eSebe ngoku akugqatso oluchasene nexesha lokuqinisekisa ukuba isebe liyayifezekisa injongo yalo yokuphelelisa umsebenzi osemva kwiiveki ezimbini. Iimpazamo zobugcisa, ii-invoyisi ezinamaxwebhu angonelanga axhasayo kunye neminye imingeni yangaphakathi ibe negalelo ekulibazisekeni kweentlawulo.

Isebe lezothutho libongoza abanini-zithuthi ukuba baqinisekise ukuba xa bengenisa ii-invoyisi, zikhatshwa ngawo onke amaxwebhu ayimfuneko axhasayo kubandakanywa nobungqina bokusebenza kwazo, ukwenzela ukuba kuqhutyekwe neendleko kunye neentlawulo.

UMphathiswa wezoThutho, uXolile Nqatha ucele umngeni kumagosa kunye nabasebenzi ngokufanayo ukuba badibane kwaye bathathele ingqalelo iziphumo ezingcono.

“Umhla wokugqibela wokusetyenzwa kwee-invoyisi ezingekahlawulwa sele ubekiwe. Imingeni iphezu kwethu njengesebe lokuqinisekisa ukuba siyawufezekisa umhla esizibekele wona. Sihlaba ikhwelo kubasebenzi ukuba nabo bancedise kwinkqubo ngokungenisa ii-invoyisi kunye nawo onke amaxwebhu ayimfuneko axhasayo. Ndiqinisekile ukuba xa sisebenzisana siza kukwazi ukuphumeza ukuzinikela esikwenzileyo,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA