Atshe angqongqa amadoda amahlanu kumva weveni ngaseNgqushwa

Amapolisa aphanda ngokubulawa kwamadoda amahlanu (5) afunyenwe etshe angqongqa ngase Ngqushwa ngokuhlwa kwangoMgqibelo umhla wesithandathu kuTshazimpunzi.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe imizimba yalamadoda ifunyenwe ngasemva kwiveni yohlobo lweCorsa kuhola wendlela uR365. UNaidu uthi ngobubusuku, amapolisa axelelwa ngemoto etshayo endleleni kwaye xa kufika abacimi-mlilo, bekungekho mtu ukhwele ngaphambili.

UColonel Naidu uthi imizimba ibhaqwe emva kokuba umlilo ucinyiwe. Uthi uphando luvuliwe nangoku kulindelwe isiphumo sengxelo yovavanyo-gazi (DNA gabula makhumsha).

UColonel Naidu ubongoza uluntu lwaseMonti nasNgqushwa ukuba luqhagamshelane namapolisa ukuba kukho abantu ababaziyo abadukileyo ukuze bancedise ekuchongeni abo babhubhileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA