17.4 C
King William's Town
Friday, April 5, 2024

Lubekelwe iveki yesibini kwinyanga kaTshazimpuzi uphando lwaseNyobeni

Abazali bamaxhoba entlekele yethaveni yase-Enyobeni banokude bafumane iimpendulo xa kuqala uphando lokubhubha kwabantwana abancinci abangamashumi amabini ananye.

Isithethi seGunyabantu lotshutshiso iNPA uLuxolo Tyali uthi uphando luza kuqala ukususela ngomhla we-8-12 kuTshazimpuzi kwinkundla yengingqi yaseMdantsane.

Olu phando luza kuqinisekisa ukuba nabani na unokuba netyala lolwaphulo-mthetho, okanye ngokungenzi ubulungisa, ngokubhubha kabuhlungu kolutsha olungamashumi amabini ananye kwithaveni yaseScenery Park ngomhla wama-26 kweyeSilimela ngowama-2022.

UTyali uthe kuzakuphinda kubekho abavavanyi ababini abaza kuncedisa ekuboneni ukuba ingaba isakhiwo sethaveni esihlaziyiweyo silungile na ngokwesakhiwo kunye nokufumana ukucazululwa nzulu kweengxelo zovavanyo lwemizimba.

Ukuhlolwa kwemizimba kubonise ukuba amaxhoba anokonzakala okuyanyaniswa nokutyunyuzwa nokufuthaniselwa kwaye ingxelo yokuqala yafumanisa ukuba ane-methanol egazini lawo.

Angaphaya kwamashumi amathathu amangqina ekulindeleke ukuba anike ubungqina, abaquka abanini bethaveni, uVuyokazi noSiyakhangela Ndevu, abathe kutshanje bahlawuliswe iR5000 umntu ngamnye ngokuthengisela abantu abangaphantsi ngeminyaka ibhelu lomsele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.4 ° C
17.4 °
17.4 °
76 %
6kmh
86 %
Fri
17 °
Sat
14 °
Sun
17 °
Mon
21 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks