Bazavela kwinkundla yaseSterkspruit ngenxa yobuxoki abasebenzi benkampani yesonka

Abasebenzi abathathu benkampani yesonka kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eSterkspruit ngoMvulo emva kokubanjwa bexoka ngokuxhwilwa.

Isithethi samapolisa uKapteni u-Ursula Roelofse uthi ngenjikalanga yangoMgqibelo, umqhubi weloli unike ingxelo kumasipala aseSterkspruit kwaye wathi amalungu akhe amabini kunye naye bamiswe ngabarhanelwa abahlanu kwiveni emhlophe yakwaFord eHerschel.

Uthi abasebenzi bathi bakwazile ukubaleka kodwa bathe xa bebuya, bafumanisa isefu nemali ingekho elorini.

UKapteni Roelofse uthi ngethuba kuqhutywa uphando lokuqala, amapolisa agqogqa ilori afumana imali ifihlwe phakathi kweekhreyithi zesonka.

Uthi abakwazanga kunika ingcaciso evakalayo ngale mali ifihliweyo kwaye babanjelwa ukuxoka.

La madoda aneminyaka engama-29, 38 kunye nama-48.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA