LUCHWAYITILE USAPHO LAKWA-GCEBA.

USapho lakwaGceba eMount Ayliff, lude lwayifumana indlu yamaphupha alo ngeCawe edlulileyo umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuCanzibe 2024, kwiManqoba Mngqithi Foundation.

Kuthathe ixesha elide ukwakhiwa kwalendlu ukunceda usapho olusweleyo, kodwa uMveli Hloba, unobhala wesiseko, uthe imozulu yemvula kunye noqhanqalazo luye lwabambezela ukugqitywa kwayo.

“Le projekthi ithathe ixesha elide kunelo belilindelwe kuba besijongene nemicelimngeni emininzi efana nemozulu embi,” utshilo uHloba.

Indlu enamagumbi amathathu inamagumbi okulala amabini, igumbi lokuphumla elivulekileyo kunye nekhitshi.

“Siyavuya silusapho lakwaGceba malunga nale ndlu,” itshilo inkokeli yabahlali uNkosi Nompucuko Jojo.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA