Bagxothiwe kwindawo zabo zokuhlala emagxemesini abafundi beKholeji iKSD eNgcobo emveni kokuba bengafumananga ukuhlawulwa nguNSFAS sukela ngenyanga kaJanuary 2024.
Emva kwesisehlo, abafundi bathetha isigqibo sokuba bavule elinye lamagumbi okufundela ze balenza indawo yokuhlala ukuze bakwazi ukungena izifundo zabo ngendlela efanelekileyo. Omnye wabafundi uthi iyabachana le nto abanye babo kuba baphuma emakhayeni angathathi ntweni, ngoku kuzakunyanzeleka ukuba bancame imfundo ngoba omastandi bayayifuna imali ybo.
Uninzi lweKholeji ezikweli phondo bezike zanoqhankqalazo malunga nendaba kaNSFAS ongabaphenduliyo kuquka ikholeji yaseBCC, Ingwe TVET FET kunye neMossel Bay.
Bekulindeleke uba babhathalwe phambi kokuba kuqale unyulo leZwe ngurhulumente kodwa nakwezinye iikholeji abakafumani mpendulo.
By Ongeziwe Ntondini.

