Iintsapho ezimbini eziphuma kwindawo yaseJamba e-Adelaide eMpuma Koloni zifuna ubulungisa ngabantwana bazo, ekutyholwa ukuba babulewe kuhlaselo lwabahlali.
Kutyholwa ukuba la maxhoba mabini ahlaselwe kakubi ngabahlali emva kokufunyanwa nezinto ezibiweyo.
Kukwatyholwa ukuba aba babhubhileyo babotshelelwa ngocingo lwencakuba kwi pali phambi kokuba bahlaselwe ngokumasikizi.
Amaxhoba aneminyaka engama-31 kunye nama-29 ubudala, onzakele entloko kwaye abhubhela esibhedlele emva kosuku.
Elinye lamalungu osapho olubhujelwe nguDerren Pieterse uthi bafuna ubulungisa.
“Njengentsapho, sizama ukuhlangabezana nale meko. Ubomi bethu bemihla ngemihla buphazamiseke kakhulu. Sihlukumezekile kwaye into esiyifunayo bubulungisa. Asitsho ukuba abantwana bethu balungile ngokwenza izinto ezingalunganga kodwa xa bebulawa njengoko benjalo, kuphosakele kakhulu, sifuna ubulungisa. ”
Othethe egameni lamapolisa eMpuma Koloni uKapteni Siphokazi Mawisa ulumukise uluntu ngokutgathela umthetho ezandleni.
“Kutyholwa ukuba abarhanelwa abathathu baye babethwa ngamalungu oluntu. Ababini kubo kuthiwa babhubhile kwaye omnye usaphila. Amatyala amabini okubulala ayaphandwa ngamapolisa agxeka izehlo apho uluntu luthathela umthetho ezandleni zabo.
Inkonzo yesipolisa icela nasiphi na isenzo solwaphulo-mthetho ukuba sixelwe emapoliseni okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane.” utshilo