Icandelo elijongene nokulwa koGawulayo eMzantsi Afrika ibibambe ingxoxo nabasebenza ngokuthengisa umzimba kuMaspala ombaxa iBuffalo City eMonti.
Lengxoxo ibibanjwe kwiTyalike iCalvary eQuigney eMonti. Ibiququzelelwa licandelo elijongene nokhuseleko labathengisa ngemizimba ngee njongo zokujonga imiceli mngeni abajongene nayo abo bathengisa ngemizimba.
Umxholo wabo bathengisa ngemizimba usithi umsebenzi wabo mawungaba pheleliseli ngo bomi babo.
UManejala wamalungelo oluntu kwa AFSA uNontuthuzelo Fuzile uthe, abathengisa nge mizimba ngabantu base tyhini. Besithi abanakuze baphumle de abantu abazenzela ishishini lokuthengisa ngo mzimba babe semthethweni nabo, wongeze ngelithi bafuna ukufikelela nakwabo bagwebayo babafundise ngamalungelo wabantu abathengisa ngo mzimba.
Esitsho esithi kukho izizathu ezahlukeneyo zokuba abathengisi ngemizimba bazibandakanye neli shishini ngoko ke abanakubekwa mabala okanye baxhatshazwe.
UEric Daweti noyindoda ethengisa ngo mzimba uthe kubuhlungu ukuthengisa ngomzimba kwindawo yaseBCM kuba uninzi lwabo luphulukene nobomi babo bebulawa ngabathengi babo. UDaweti uchaze ukuba amaPolisa ayabaxhaphaza, uvale ngelithi nabo bafuna ukukhuselwa kuba yimizimba yabo le kwaye nabo zange bacinge ukuba ngenye imini bayakuze babengaba thengisi bemizimba kwaye bangathanda ukuba uRhulumente abakhusele.
Ummeli weBhunga leQonga lemibutho yasekuhlaleni e BCM uNdzuzo Novuka uthe, ukuthengisa ngomzimba ngu msebenzi uluntu kufuneka liphathe abantu ngesidima. Abathathi nxaxheba bathi I BCM kufuneka ibhengezwe njenge ndawo elungele abathengisi ngemizimba.
UKapteni Themba Lamani ophuma kwisitalato iFleet uthe, into eyenziwa ngamaPolisa ukujongela phantsi abathengisi ngemizimba bubundlavini bamaPolisa, ekwathi amanye amaPolisa arhuqela igama leziko eludakeni ngenxa yesimilo sawo esibi. Ugqibe ngelithi umsebenzi wabo njengamaPolisa kukhusela abemi endaweni yokubaxhaphaza.
Amaqela aye axhasa le nqubo afana ne Beyond Zero, Sweat, Sisonke, SAPS kunye nobuhlebethu, babongoze uluntu ukuba lihloniphe, likhusele kwaye lixhase abathengisi ngemizimba.
Ingxelo: Zintle Madikane