15.7 C
King William's Town
Monday, December 4, 2023

Mxhosandini kutheni lento umhle kangaka?

Ohhw haysukaa Madoda into xa intle iyabukwa kwaye inconywe.

Igqiyazana lowasetyhini, nogama linguOnwaba Mleve nguSomashishimi ophume izandla kwaye uneembasa eziliqela nezingqina oko. Lo wasetyhini unguMseki kwakunye noMphathi weNkampani ephethwe linenekazi elimnyana kwiPhondo leMpuma Koloni iZazi Holdings Factory.

Le Nkampani evelisa iimpahla zesintu kuquka nezalemihla iqeshe phantse abantu abangaphaya kwamashumi alithoba kuquka nabafundi beDyunivesithi kwivandelo lezefashoni.

Ngethuba sityelele kwishishini likaOnwaba, nobonakele epholile kwaye encokola nabasebenzi bakhe, siqaphele uninzi lwabasebenzi kwanokuchulamnca kwabo emsebenzini, nabasamkele ngobubele nto leyo ethi bonwabile apho bakhoyo.

UOnwaba uthi elishishini waliqala eGcuwa apho wayevelisa khona iimpahla enabasebenzi abangamashumi asixhenxe(70) kodwa ngenxa yezidingo zabantu baseMonti, kwanyanzeleka ukuba eze kufutshane.

Uchazile ke nangemiceli-mngeni oSomashishini abajongana nayo, kuquka naleyo yokuxhaswa ngemali nguRhulumente, kodwa ngethamsanqa umqa nakuye wawa esandleni. Kaloku wathweswa ngu(Productivity SA National Awards) apho baphumelela emagqabini kwabo basakhulayo.

IZAZI yanxibisa uMphathi we Eastern Cape Hustlers Awards ngosuku lokuqala kwinyanga ka April. Ukanti leNkampani sele inkulu de yabe inxibisa nooSaziwayo beli abafana noLusanda Mbane; Zintle Kwaaiman; Zuko SA; Lelwar Smith; Zenande Mfeya nabaPhathiswa abaliqela.

Kwiveki edlulilelo uOnwaba uvule ngokusesikweni ivenkile yakhe nethengisa iimpahla zalemihla kuquka nemibhaco yesiXhosa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.7 ° C
15.7 °
15.7 °
83 %
2.1kmh
86 %
Mon
14 °
Tue
23 °
Wed
16 °
Thu
31 °
Fri
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks