Ingaba mhlawumbi umgwebo usondele nyani?
Kwenzeke isimanga somhlola ngethuba ibhokhwe ingakwazi ukuzala itakane. Le bhokhwe kuthe kusakubonwa ukuba iyasokola ukuyenza lento yanqunyulwa kowayo kwasuka kwaphuma into ebunja butakane kodwa ayigqibeki.
Ngokwengxelo kuvakala ukuba abantu balomzi kulelali bamangalisekile bebambe ongezantsi, kukungakholwa sesisanga. Ngokwengxelo kuvakala ukuba lomhlola wothusayo wenzeke kwenye yelali zaseXesi apha kuleMpuma Koloni nekukwavakala ukuba umnini bhokhwe usothukile kuqala kangangokuba khange alale buthongo buhlayo kubusuku esibuvukayo.
Sithetha nje umnikazi usakhwamnqisekile yiyo loo nto ethe makayizise kumakhasi onxibelelwano ukuba ingaba yinto enjani na le kuba usamangalisiwe kunangoku. Ngokwengxelo kuvakala ukuba itakane eli alisaphili.
Ingxelo:Siya Sitofile