18.2 C
King William's Town
Wednesday, May 22, 2024

Ndoda ithile ikhrwitshe umtwana wabhubha ngenxa yesikhwele nokuziphindezela

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni , uLieutenant General Nomthetheleli Mene wothukile kwaye ebuhlungu kakhulu emva kokuva ngentlungu yokubhubha kwenkwenkwe eneminyaka emithandathu(6) ubudala eGqeberha.

Kutyholwa ukuba ngoMvulo, umhla we25/07 malunga nentsimbi yokuqala emini(13:00) indoda eneminyaka engamashumi amathathu(33) ubudala yazinikela emapoliseni Swartkops ngezityholo zokubulala unyana wentombi eyayithandana nayo, uThabang Klaas.

Ngokweenkcukacha zamapolisa, ngoLwesihlanu umhla wama-22/07 umrhanelwa wathatha umntwana kwindlu kaninakhulu eNew Brighton waya kumatyholo aphakathi kweMathys Grounds kunye neWells Estate eSwartkops kutyholwa ukuba uye wamkrwitsha umtwana de wabhubha.

Umzimba womntwana uye wafunyanwa ngomhla we25/07 kwindlela yabahambi ngeenyawo ematyholweni apho sele ebhubhile.

Umrhanelwa uvalelwe ngetyala lokubulala kwaye isizathu sokubulala kurhanelwa ukuba yimpindezelo kowayesakuba yintombi yakhe. Uphando luyaqhubeka kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeKhala ngo2022.

U-Lt Gen Mene uvakalise amazwi ovelwano kusapho lomntwana oswelekileyo kwaye wongeza ngelithi abantwana kufuneka bakhuselwe kwimpatho-gadalala kunye nobundlobongela ezandleni zabo bajonge kubo kwaye balinganise njengemizekelo. ‘Ukukhuselwa kwabantwana bethu lishishini noxanduva lomntu wonke kwaye amapolisa abongoza uluntu ukuba luxele nakuphi na ukurhanelwa kokuphathwa gadalala kwabantwana okanye ukungahoywa. Abantwana bayabathemba abo babaziyo ngaloo ndlela bebenza babe sesichengeni kubaxhaphazi nababulali babantwana. Ndibongoza uluntu ukuba lube lilizwi kwabangenalizwi kwaye masiyeke ukuxhatshazwa kunye nohlaselo olukhohlakeleyo lwabantwana bethu, ‘utshilo uLt Gen Mene.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
60 %
2.3kmh
29 %
Wed
26 °
Thu
22 °
Fri
16 °
Sat
22 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks