16.7 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Ngabantu abane(4) abaquka usana obelungekazalwa ababhubhe kwingozi emasikizi.

Owasetyhini obekhulelwe kunye nomntwana wakhe ongekazalwa bebephakathi kwabantu abane(4) ababhubhe kwingozi emanyumnyezi eyenzeke eKariega ngentsasa yangoLwesine.

Isithethi samapolisa, uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, uthi kusaphandwa iimeko ezibangele ukungqubana kwemoto yenkampani iAtlas Security nemoto yabahambi. Ukwathe, umqhubi wemoto nabantwana ababini abaneminyaka elishumi elinanye nemithandathu ubudala abakhange bonzakale.

UJanse Van Rensburg wandule esithi inkosikazi yomqhubi, umhlobo kunye nenkosikazi ekhulelweyo basweleke ngenxa yale ngozi.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo  liyaphandwa. Amagama ababhubhileyo akakachazwa. Kwingxelo emfutshane, i-Atlas Security iqinisekisile ukuba elinye lamagosa aphendulayo libandakanyeke kwingozi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.7 ° C
16.7 °
16.7 °
90 %
1.2kmh
93 %
Mon
17 °
Tue
30 °
Wed
14 °
Thu
17 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks