13.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Uqhube ngempumelelo umnhyadala weAfrika Unite eMonti.

Uqhube ngempumelelo unhyadala omkhuli weAfrika Unite, nobubanjelwe kumabala emidlalo kulempelaveki sisuka kuyo eMonti.

Amawakawaka abantu abathanda iziyunguma bashiye amagumbi abo, nezobhedi zifudumeleyo badela nemo-yemozulu ebimbi egameni lokubhiyozela ilifa lalonhyadala otyebileyo kunye nokwamkela ubuAfrika babo.

Kaloku lomnyhadala uphucula kwezokhenketho, uqoqosho kwanokudala amathuba emisebenzi kwabanye, ingakumbi abo bazibandakanyayo kuwo. UMphathi woMnyhadala kunye nomseki ogama linguLuzuko Khohli uvakalise umbulelo eluntwini “umbulelo kubantu abathe basixhasa kumsitho wethu wokuqala wangaphandle. Sichulumancile kakhulu ngolu gqatso lukhulu luthe lwagqitha ngaphaya kobesikulindele ingakumbi kuba besinomcelomngeni wemozulu enemvula.”

UKhohli uthi lomsitho ubungeke ube yimpumelelo ngaphandle kwenkxaso yeSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, iBhunga leSizwe lobuGcisa, iArhente yeePaki nezoKhenketho eMpuma Koloni kunye nomasipala ombaxa waseBuffalo City kunye nabo bathe bathenga amatikiti ukuxhasa.

Kolu lonwabo, bekukho iimvumi eziphume izandla, nesifana noZuko-SA owaphumelela imbasa yeMetro fm, uLoyiso kunye noLindo ukubalula. ULindo Mtamgayi wosisirayeli akaqedwa wenze umsebenzi wakhe kanye ngexesha lemvula isina. “Wow, nangona bekunetha kwaye kunomoya, abalandeli bandamkele kakuhle kwaye besonwaba kunye nam” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
89 %
2kmh
20 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
28 °
Sun
24 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks