Ngabaqhubi abangama-120 ababanjelwe ukuqhuba benxilile kwiphondo leMpuma Koloni

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi bakwikhulu elinamashumi amabini bebonke abaqhubi bemoto abathe babanjwe berhanelwa ukuqhuba benxilile kwiphulo eliqhuba kwiphondo kwimpelaveki ezimbini ezidlulileyo.

Isithethi sesebe lezothutho ephondweni u-Unathi Binqose uthi amashumi amahlanu ananye kwabo babanjwe kule mpelaveki yodwa, kwaye iSithili saseSarah Baartman kunye ne-Amathole zonke zifikelele kumanani aphindwe kabini kumanani ababanjiweyo.

Umphathiswa wesebe lezothutho, uXolile Nqatha, uwancomile la mapolisa ngokubanjwa kwabo baqhuba bezintyintye ngebhelu lomsele, esithi iinzame zawo zingasindisa inkitha yabantu abamsulwa kwiingozi ezinokubakho – kuquka nobomi babo babanjiweyo.

Ulumkise abaqhubi beemoto ngelithi ezi nkqubo zizakuqina nanjengoko iHolide zohlobo zisondele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
86 %
4.4kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA