Umongameli we-African National Congress (ANC) uCyril Ramaphosa ubongoze amadoda namakhwenkwe ukuba aphathe abasetyhini ngokulinganayo, egxininisa ukubaluleka kwentlonipho nomanyano kwidabi lokulwa ubundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana.
Lo msitho ibiluhambo lokuphawula ukuqaliswa kwephulo leeNtsuku ezili-16 zokuLwa ubuNdlobongela obuChasene namanina nabantwana.
Ethetha kwindibano yamakhulu amakhwenkwe kunye nabafana abathe bahamba naye kunxweme lwaseThekwini, uRamaphosa ugxininise imfuneko yeenzame ezihlangeneyo ukulwa impatho-gadalala nobundlobongela.
Eli phulo, elijongwe kwihlabathi jikelele, lijonge ukwazisa nokuhlaba ikhwelo lokuphelisa ubundlobongela obusekelwe kwisini.
“Njengoko sihlanganisene apha, sikhuthaza ukuhlonitshwa kwamakhwenkwe nangamadoda ngokubanzi kubantu babasetyhini. Sithi njengamadoda namakhwenkwe kumanina aseMzantsi Afrika siyathembisa ukuba siya kunihlonipha, siya kusebenza nani, kwaye siyakuniphatha ngokulinganayo. Akhonto indenza ndibengcono njengendoda kunomfazi. Phantsi ngendoda edlwengula abafazi nabantwana, phantsi,” utshilo uRamaphosa.
USekela Mongameli uPaul Mashatile kulindeleke ukuba enze intetho kumsitho wokusungulwa kwephulo kuzwelonke eMpumalanga kamva namhlanje, egxininisa ukuzinikela kwe-ANC ekupheliseni ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana.