USekela Mongameli nombhexeshi oyiNtloko weqela lezopolitiko iUDM, uNqabayomzi Kwankwa uthi kwanele ngalocimi-cimi wombane!!
UNqabayomzi Kwankwa weqela leUnited Democratic Movement iUDM ngamafuphi, ubhale incwadana ebhekisa kusihlalo wepalamente kazwelonke uNosiviwe Mapisa Nqakula nalapho athi makanike ingqwalasela imo kacimi-cimi wombane kweli. UKwankwa uthe leyona inyewe ayikwazi ukulinda nanjengoko ikhangeleka ingxamisekile, iqhuba ngokumosha imizi kunye noqoqosho lwelizwe.
UKwankwa kulencwadana uthe locimi cimi utyabula icandelo lenjineli imali eqikelelwa kwi (R2 Billion)ngeveki. Ezinkcukhacha zivele kunyaka ophelileyo kwinyanga Yokwindla ngokokutsho kuka Kwankwa nto leyo ethetha ukuba zizigidi eziyi R700 ezithi zilahleke ngosuku ngalunye locima kombane.
“Kwintetha eyothulwa epalamente ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga Yokwindla kunyaka ophelileyo, kwatshiwo ukuba unyaka u 2021 ngoyena uchaphazeleke kakhulu ngulo cimi cimi ngeyure ezili 1169 namandla ombane angange 2521 GWh athe alahleka”,utshilo u Kwankwa kwincwadana yakhe. Uthi yadlulela yathi intetha unyaka ka 2022 sele utyakele umbane weyure ezingama 261 ungekaqali unyaka.
Lo kaKwankwa wongeze wathi Ukunyuka kwamaxabiso e petrol kunye nedizili anyuke ngemali engange (R15 Billion) xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo. Wandule wathethela osomashishini abasakhulayo nabathe boyisakala bavala ngenxa yo cimi cimi wombane, iintsapho ezithe zonakalelwa zizinto zazo zombane kunye nabo iyure zabo zicuthwayo emsebenzini nabo baxhomekeke embaneni uqhuba imisebenzi yabo esithi isizwe siyafa yindlala ehleli ikho kakade.
Uthe zanele ezi ingxaki banazo belilizwe zonyuka kwamaxabiso e petrol, le yesigaba sesithandathu sikacimi cimi wombane asamnkelekanga. Ucele wabongoza ukuba le nyewe isiwe kwindlu no Eskom ekho ukuziphendulela kwisebe lamashishini oluntu. Uthi u Eskom makakhe athathe uxanduva.
Ingxelo: Anitha Qubula(EC indaba)