Kubhubhe abantu abangamashumi(20) amabini kwindawo yentselo eseSenary Park ngentseni yanamhlanje.

Ngabantu abangamashumi amabini(20) abafunyenwe bebhubhile kwindawo yobumnandi nekwayindawo yentselo eSenary Park eMonti namhlanje.

Esisiganeko soyikekayo senzeke ngentseni yanamhlanje ngeCawa umhla we(26 June 2022) apho kuvukwe ngemibono emibi yezidumbu zabantu nabebedunduluzile kulendawo yentselo iEnyobeni Tavern.

Sithetha nje, aboncedo lokuqala kuquka namapolisa bakwindawo yesehlo beyokuphanda undonakele sekude kubhubhe abantu abangaka.

Unobangela wokubhubha kwababantu awukaziwa okwangoku kodwa akho amrhe athi barhaxwe yirhasi. Kule taveni, imizimba ithe saa, eminye iphezu kwetafile, izitulo naphantsi; kungekho zimpawu zicacileyo zokwenzakala.

Ngaphandle, abazali abaphelelwe lithemba kunye namalungu osapho acela ukungena kwindawo ngelixa bekhwaza amagama abantu babo abalahlekileyo. Akukho namnye uphendulayo.

Eli libali lisaqhubaa

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA