UNtombozuko Mgoqi ugwetyiwe kwinkundla yengingqi yaseNgqushwa eMpuma Koloni.

UNtombozuko Mgoqi oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala ufunyenwe enetyala lobuqhophololo nobusela.

Ityala ngakuye laphandwa liCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhakamisayo (elaziwa ngokuba ngooKhetshe). Isithethi sooKhetshe ephondweni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi uMgoqi ebengunobhala wesebe leNkcitho kumasipala waseNgqushwa.

Lowo wayetyholwa naye uNolufefe Mguqulwe, oneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala, ugwetywe waze wafunyanwa enetyala ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuCanzibe ka-2016 ukuya kutsho kwiminyaka emine entolongweni.

“KweyoMnga ka-2013 nangeyeSilimela ka-2014, uMgoqi ngokungekho mthethweni nangabom waye wasebenzisana noMrhwebo ukuba balawule inkqubo kamasipala yokunyusa imivuzo yabo ngaphandle kwemvume yomqeshi. Emva koko, uphicotho-zincwadi lwangaphakathi lufumanise ukungangqinelani kwemivuzo yabo kwaye umasipala wafumana ilahleko engaphaya kwamakhulu amabini amawaka eerandi (R200,000) ekunyusweni kwemivuzo ngokungagunyaziswanga. Lo mcimbi wadluliselwa kooKhetshe ukuze kwenziwe uphando oluthe kratya,” utshilo uMhlakuvana.

Lo mba waye waphandwa liqela looKhetshe eliphanda ngolwaphulo-mthetho oluluqilima oluzinze eMonti.

“Uphando ludize ukuba uMgoqi wayenza ngabom inkqubo kamasipala yokunyusa imivuzo ngaphandle kwemvume yomqeshi. Lo nto yakhokelela ekubeni aba babini babanjwe ngooKhetshe ngomhla weshumi elinesine kweyoMsintsi ku-2015, baze bavela phambi kwenkundla kaMantyi eNgqushwa kwangalomhla bakhululwa ngebheyile ye-R500 umntu emnye,” utshilo uMhlakuvana.

Kwiminyaka esibhozo emva kokugwetywa kwakhe lowo wayetyholwa kunye naye, uMgoqi wagwetywa iminyaka emihlanu entolongweni.

Intloko yooKhetshe eMpuma Koloni, uNjengele Mboiki Obed Ngwenya usamkele esi sigwebo kwaye uwuncomile umsebenzi owenziwe leli qela ekuqinisekiseni ukuba umtyholwa ufumana isigwebo esifanelekileyo.

By: Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA