Kugqabhuke intsholongwane yeCorona entsha kwaye eyingozi kunezangaphambili eMzantsi Afrika. Lentsholongwane ibizwa iSuper Variant ikweli kwaye iyanwenwa nanjengoko namanani osuleleko lweCovid-19 athe gqolo ikwenyuka.
Iinzululwazi zithi oluhlobo lutsha lwe Ntsholongwane iCorona olubhaqwe apha eMzanzi Afrika, lukhangeleka lusosuleleka ngeqondo oluxhomileyo kodwa kukwacaca ukuba luyawaphepha amajoni athile omzimba. Oluhlobo lutsha i B.1.1.529, libhaqwe eGauteng kodwa lithe chuu ukunwenwela nakumanye amaPhondo. Lentsholongwane ifumaneke eTshwane kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kwaye umyinge ka80% abafunyaniswe benale Ntsholongwane baseGauteng.
Oluhlobo lweNtsholongwane lubhaqiwe nase Botswana naseHongkong.
Umntu ofunyaniswe enoluhlobo lutsha eHongkong, umkhondo wakhe ulandwa kweli lo Mzantsi Afrika. Ukanti kukwakho nenkxalabo yokuba ichiza lokugonya lentsholongwane lingangabinawo amandla awoneleyo okulwa oluhlobo lutsha luvelileyo lwalentsholongwane.
Amazwe angaphandle athe cuu wona ukuthintela ukuhamba okunxulumene neli loMzantsi Afrika ngenxa yalobhubhane we(Super Variant) iCovid-19 ogqabhuke kweli.
Ilizwe laseDenmark, iSpain kwakunye neUK ukuya eGermany, ngamanye amazwe athe arhoxisa okwethutyana uhambo oluza eMzantsi Afrika. Ukanti ilizwe lase Philippines ukubalula nalo lizibandakanyile kweliphuli lothintelo kuMzantsi Afrika ngelizama ukunqanda ukunwenwa kwesisifo. IPhilippines ithathe isigqibo ekumiseni iinqwelomoya zaseMzantsi Afrika.
Umongameli uCyril Ramaphosa kulindeleke ukuba abize iBhunga leSizwe lokuLawula iCoronavirus ngeCawe ukuze lihlole okwenzekayo ngolobhubhani weCovid-19, kubandakanywa nohlaziyo lwenzululwazi malunga noluhlobo olutsha lwecoronavirus(Super Variant)