Omnye weengqonyela zeBhola laseJava yaseMzantsi Afrika South Africa (Cricket South Africa) uEnoch Nkwe ukhalazela ukungabonakali kwabadlali abamnyama kwiqela lesizwe leProteas.
Kubadlali abalishumi elinesihlanu(15) kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba emva kokungafakwa kukaThemba Bavuma, umdlali okhoyo kweliqela omnyama nguKagiso Rabada kuphela. Eliqela loMzantsi Afrika leqakamba liqela elizakuthabatha inxaxheba kwindebe yehlabathi kwinyanga ezayo.
Ezithethelela uRob Walter, ongumqeqeshi weqakamba kwiT20 uthe ukhethe elona qela labadlali elidlala kakuhle. URob uvakalise ukuba ukhethe iqela eliphumelelayo yena.
Owayesakuba ngumphathiswa wezemidlalo uFikile Mbalula uvakalise udano kukubona iqela leqakamba linabadlali abamhlophe phakathi kwabo emnye kuphela omnyama. Ukhumbule ukuba eli qela leqakamba, iiProteas zizakuthabatha inxaxheba kwindebe yehlabathi yeT20, nezakubanjelwa eWest Indies naseMelika.
UMbalula nowagqibela ukuba ngumphathiswa, engowezothutho kodwa kungoku nje ungunobhala jikelele wombutho olawulayo iAfrican National Congress(ANC). Oku kukhalaza kukanobhala weANC kuza emva kokuba usaziwayo kwezemidlalo uRay Mali, ethe wagxeka ukubuyela umva kwento athi ibiyinkqubela phambili.
URay Mali wayesakuba ngumongameli weqakamba kwiCSA, uthe ayamkelekanga indlela ekutyunjwe ngayo abadlali abazakumela eli lizwe kwindebe yehlabathi.
UEnoch Nkwe ufune ukuba kucaciswe kwisigqeba seqakamba ngendlela ekuchongwe ngayo abadlali. Ngabebala abahlanu (5) nabamhlophe abalithoba (9) kubekho umdaka omnye (1) kweliqela.
By Siphiwo Boqwana.

