12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

UItumeleng Khune ucetyiswa ukuba azithathele isigqibo, malunga nekamva lakhe kwibhola ekhatywayo.

UMdlali weqela leKaizer Chiefs nodlala njengonozinti uItumeleng Khune kulindeleke ukuba athathe isigqibo esisesakhe ngethuba ephelelwa sisivumelwano neqela alidlalele ixesha elide.

Isivumelwano sikaKhune neChiefs siyaphela kwinyanga ezayo yeSilimela emva kokuba wathi watyikitya isivumelwano apho Amakhosi agqiba kwelokuba esi sikhoyo ngoku isivumelwano sesokugqibela njengomdlali. weliqela Kwelinye icala uItu ukholelwa ukuba angahlala de afince iminyaka engamashumi amane (40) ezelwe ezeka mzekweni kumgcini zipali wowayesakubambela iqela lesizwe laseItaly, uGianluigi Bufon.

Omnye wonozinti nowayesakuba ngumgcini zipali weChiefs William Shongwe ukholelwa ukuba uKhune makazithathele isigqibo anganyanzeliswa ukuba athathe umhlalaphantsi engafuni, uShongwe uthi ukuba uKhune usafuna ukudlalela Amakhosi babe bengasafuni ukumnika elothuba makaye kwelinye iqela elivelayo adlale de kufike elakhe ixesha lokubeka phantsi iintambo, uWilliam uthi usakholelwa ukuba uKhune usenokuqhubekeka njengonozinti.

UItu Khune udlale iminyaka emihlanu kumaqela asakhulayo weChiefs phambi kokuba onyuselwe ukuyakudlalela ooxholovane. Lomgcini zipali weChiefs noneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala waqala ukudlalela iqela elikhulu laMakhosi eneminyaka engamashumi amabini (20) ngethuba iChiefs idlala neJomo Cosmos ngenyanga yeThupha ngonyaka ka2007. UKhune waatyikitya isivumelwano naMakhosi ngonyaka webhola ka2004/5.

Kungoku nje lonozinti nobenegalelo elikhulu kweliqela ugqiba iminyaka engamashumi amabini (20) wazibandakanya neliqela. UKhune ngumdlali wokuqala ukuhlala edlalela eli qela engazange aye kwelinye iqela ixesha elide kangaka.

Amakhosi ashiyekelwe yimidlalo emibini (2) kuphele isizini yebhola. Kumdlalo ozayo iChiefs izakuqubisana nePolokwane City ekwindawo yethoba (9), ngexa yona iChiefs yona ikwindawo yesbhozo (8).

Akukaziwa nokuba uKhune uzakulinikwa na ithuba lokugqibela lokudlala ngumqeqeshi obambeleyo uCavin Johnson. Omabini lamaqela iChiefs nePolokwane bayalingana ngamanqaku angamashumi amathathu anesihlanu (35).

UKhune uthathe indawo kaPietersen ofumene ikhadi elibomvu.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks