Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi lenza ngako konke elinako ukulungisa umba wokungaphangeli koogqirha nabongikazi kweli phondo.
USekela Mlawuli Jikelele weenkonzo zeklinikhi uGqirha Mtandeki Xamlashe ebesabela kuqhanqalazo oluqhubeka kwii-ofisi zeli Sebe ngoogqirha abaneziqinisekiso zemfundo abangaphangeliyo, nabongikazi abakwikhontrakthi befuna ukuba baqeshwe ngokusisigxina.
Bebechophe ngaphandle kwee-ofisi zesebe lezempilo eMonti ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuCanzibe , emva kokumisa inkampu ngaphandle kwee-ofisi zesebe lezempilo eBhisho kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo.
UXamlashe uthe nangona kunjalo iSebe liyawulungisa lo mba, ngenkxaso kaNondyebo kazwelonke nowephondo obonelele nge-R380 yezigidi ukulungiselela le njongo.
NgoFebruwari, ngaphaya kwamakhulu amabini ogqirha abangaphangeliyo baye benza umngcelele ukuya eBhisho, kwaye kwelo qela, malunga namashumi alithoba anesibhozo (98) oogqirha baye baqeshwa, kwakhutshwa izithuba ezisixhenxe (7) zoosokhemesti, kutyholwa ukuba zivela kuhlahlo lwabiwo-mali.
Lo mngcelele obubanjelwe eMonti ngoLwesihlanu uphuma kwigqiza labafundi abathe bashiywa ngaphandle kwinkqubo yokuqala yokuqashwa kweyoKwindla.
Esabela kwingxaki yabo, uGqirha Xamlashe uthe bawuthathela phezulu umba wentswela-ngqesho, esithi bangathanda ukuqesha zonke iingcali zempilo ezifikayo kule nkqubo, kodwa wathi inkxaso-mali iseyingxaki kwilizwe lonke.
Abafundi abaphumelele izithuba zenkonzo yoluntu abangaqeshwanga baye bakrokra malunga nenkcitho yengxowa-mali eyabelweyo. UGqirha Mava Mazeka omele oogqirha abangaphangeliyo uthi sele eqala ukuthandabuza ukuba angaqeshwa.
Kusenjalo, uGqirha Xamlashe uthe baphuhlise inkqubo eza kuqinisekisa ukuba abongikazi abakwikhontrakthi kwisebe banikwa izikhundla ezisisigxina. Uthe iintengiso ziphumile kwaye ukhuthaze abongikazi ukuba bafake izicelo.
Esithi bakhululekile ukuba bafake izicelo kwaye bakhuphisane ngokufanelekileyo naye wonke umntu waseMzantsi Afrika owenza isicelo.
Nangona kunjalo, uGqirha Mava Mazeka, uthe bafumene ingxaki entsha.
Ethetha noonondaba eMonti uGqirha Mazeka uthe isebe liyaqhubeka nokukhupha izibhengezo zentengiso kodwa xa usiya kubuza kwezi zibhedlele uxelelwa ukuba akukho zithuba.

