UMzantsi Africa ubala iintsuku ezili-12 kuphela phambi konyulo lukazwelonke

Zilishumi elinesibini (12) kuphela iintsuku ezishiyekileyo phambi konyulo lukazwelonke kwilizwe loMzantsi Afrika. Umhla wamashumi amabini anethoba ujongwe ngamehlo abomvu lilizwe loMzantsi Afrika, nalapho kulindeleke ukuba uluntu lugxalathelane ukuyovotela iqela lezopolitiko ekulindeleke ukuba lixhuzule imikhala kweli.

Umbutho we ANC ngowona mbutho oxhuzule imikhala kweli sukela kwaphuma urhulumente wengcinezelo kwiminyaka engamashumi amathathu (30) eyadlulayo.
Ngokwabaxhasi balombutho, kulindeleke ukuba iANC igcine ulawulo lwayo eMpuma Koloni ngenxa yenkxaso emandla kweli phondo leMpuma Koloni. Lo mbutho ubulawula kweli phondo ukusukela ekupheleni kocalucalulo. Ukanti inkxaso yeANC kweli phondo ibithe gqolo, umbutho ufumene malunga namashumi asixhenxe ekhulwini (70%) yevoti kunyulo lwakutsha nje.

Kusenjalo kunyulo loomasipala luka-2021, iANC yaphumelela uninzi lwezihlalo koomasipala beli phondo. Lo mbutho uphumelele bonke oomasipala besithili, kuquka nomasipala ombaxa weBuffalo City, nalapho ufumene i69% yevoti. I-ANC ikwaphumelele kumasipala ombaxa waseNelson ngeevoti ezikumyinge wamashumi amane anesibini ekhulwini (42%).

Ukanti umbutho unesininzi kwiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma Koloni, kwaye inezihlalo ezingamashumi amane anesine (44) kumashumi amathandathu anesithandathu (66). I-DA liqela eliphikisayo elinezihlalo ezilishumi (10), ngelixa i-EFF inezihlalo ezihlanu(5), ze – I-UDM, iATM, kunye neFreedom Front Plus nganye inesitulo esinye.

Nangona iANC ikhonya kweliphondo, lo mbutho ujongene nemicelimngeni, equka ukunqongophala kokuhanjiswa kweenkonzo kunye nobuqhophololo. I-DA kunye ne-EFF bebefumana inkxaso kweli phondo, ngakumbi kwiindawo zasezidolophini. Ukanti inkxaso ye-ANC kweli phondo ibangelwa ubukhulu becala lilifa lembali kunye nokuthembeka kwabaxhasi bayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA