Oonyana ababini bagwetywe ngokudlwengula umzala wabo omncinane ngo-2014.

By Nontando Ntsevu.

INkundla yeNgingqi yaseGqeberha ngoMvulo igwebe indoda enamashumi amathathu anesibini (32) ubudala kunye nomnakwabo onamashumi amabini anesibini (22) iminyaka elishumi entolongweni ngokudlwengula umzala wabo kwiminyaka elishumi elinanye eyadlulayo.

Olu lwaphulo-mthetho lwenzeka ngoJuni ka-2014 kwindlu ababehlala kuyo eSoweto-on-Sea, ngaseGqeberha.

Ngo-2018, udade wabo omncinci wexhoba wayedlala ngeencwadi ezindala ekhaya ngethuba efumanisa ileta eyayibhalwe lixhoba. Wayinika unina, yena wajongana nentombazana encinane.

ISithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali uthe: “Umntwana oneminyaka esixhenxe ngethuba esenza ityala, uvumile ukuba udlwengulwe ngaba bhuti babini.

Umama wexhoba waye wabika emapoliseni baze babanjwa abasolwa.

Umtshutshisi uWonga Jita ukhokele ubungqina bexhoba, nothe wangqina ukuba ukuphuma kwesikolo wayesiya kwadadobawo, apho kwakuhlala khona umkhuluwa.

Nanini na umakazi wakhe engekho, le ndoda yayidla ngokumxhaphaza ngokwesini izihlandlo ezininzi.

”Ngesinye isihlandlo, umninawa wakhe watyelela endlwini waza umkhuluwa wamyalela ukuba amdlwengule, yaye wenjenjalo.”

Lo mfana oneminyaka engamashumi angamathathu anesibini (32), nowayemdala ngexesha lolwaphulo-mthetho, ugwetywe ubomi entolongweni, ngelixa yena oneminyaka engamashumi amabini ubudala owayesemncinci ngelo xesha, egwetywe iminyaka elishumi entolongweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA