By Asemahle Mbete.
Kwiveki ephelileyo, iPalamente yamkele inkqubo-sikhokelo yemali yowama-2025 kunye nezindululo zengeniso njengoko zithiwe thaca kwiNtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali ngumphathiswa wezemali ekwabandakanya ukonyuka kwexabiso lerhafu (VAT) ngepesenti eyi-0.5.
UMongameli uCyril Ramaphosa ukuthethelele ukupasiswa kohlahlo lwabiwo-mali lwesizwe kwincwadana yakhe yamva nje, esithi ijolise ekukhuliseni uqoqosho logama uxhasa ngezimali iinkonzo ezibalulekileyo zelizwe.
Kule veki iphelileyo, iPalamente yamkele inkqubo-sikhokelo yezemali yowama-2025 kunye nezindululo zengeniso njengoko zithiwe thaca kwiNtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali yomphathiswa wezemali ekwabandakanya ukonyuka kwexabiso lerhafu (i-VAT) nge-0.5 ekhulwini.
Kodwa uRamaphosa uthe uhlahlo lwabiwo-mali, olujongene nomngeni wezomthetho yiDemocratic Alliance, “sisixhobo esibalulekileyo” sokuqhuba uphuhliso lwelizwe kunye nokunciphisa ukungalingani.
URamaphosa uthe uhlahlo lwabiwo-mali kufuneka lujolise imali eyaneleyo kwimisebenzi ekhuthaza ukukhula koqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke kwaye lubeke isiseko sokubuyisela uqoqosho.
Uthe uhlahlo lwabiwo-mali lwabelwe “iimali ezinkulu” kwiinkonzo eziphambili ezifana nootitshala, amapolisa nabasebenzi bakaxakeka.
Umongameli ukwathe inkcitho yoMzantsi Afrika kumvuzo wentlalo inozinza kuphela ukuba kukho amanqanaba aphezulu okukhula koqoqosho, watsho esithi uhlahlo lwabiwo-mali luyibekile ingxowa-mali yophuhliso lweziseko ezingundoqo, nto leyo ezakuqhuba ukukhula okufunekayo.

