By Lilitha Phenduka.
IGqiyazana lase-Ducats uSinoxolo Pakade, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala, nongumseki wePakade Typework, ishishini aliqala ngo-2020, uchaza ngesakhono sakhe kwaye namagingxigingxi ajongana noosomashishini.
Le nzwakazi idize ukuba uhambo lwayo lwaqala xa wayengaphangeli emva kokugqiba izifundo zakhe ze-Information Technology kwiDyunivesithi iWalter Sisulu ngethuba enceda umntu ukuba ahlaziye iimpepha zakhe zesicelo somsebenzi (i-CV ngolwasemzini).
Kulapho akhawuleze wabona ukuba kukho imfuno yokuqulunqa amaxwebhu aqeqeshiweyo kwaye yaba lithuba lokuguqula izakhono zakhe zibe lishishini.
“Ukusukela ngoko, i-Pakade Typework iye yanda ukuze ibonelele ngeenkonzo ezifana noncedo lwezemfundo, iprofayile yeshishini, kunye neenkonzo zoyilo ezilungiselelweyo.”
Lo kaPakade ebejongene nemiceli mngeni equka ukungqongophala kwemali, izixhobo ezingqongopheleyo, kunye nokulungelelanisa umsebenzi osisigxina kunye nokuqhuba ishishini kwaye owona mqobo ibikukugcina nokukhulisa ishishini ngelixa esaxhasa usapho lwakhe.
Noxa kunjalo uyewahlala ezimisele, waqhubeka efunda, enxibelelana, etyale imali kwishishini lakhe.
UPakade uthe umbono weshishini lakhe kukukhula ube luphawu olusekwe ngokupheleleyo nolwaziwayo ukuze adale amathuba amaninzi emisebenzi kunye nesikhundla sePakade Typework njengenkokeli kumaxwebhu obugcisa kunye neenkonzo zokuyila.
Ukwanike ingcebiso koosomashishini echaza ukuba ukukhula kuthatha ixesha, kwaye imingeni yinxalenye yendalo yenkqubo, kwaye esi sigaba sesi sibangela abantu abaninzi bathathe iziggqibo zokuyeka amashishini wabo ngenxa yonxinzelelo.
“Kuyo yonke imiceli-mngeni qhubeka ufunda, uziqhelanise neemeko, kwaye uzingqonge nabantu abakuxhasayo nabakukhuthazayo. Impumelelo iza nokuzingisa, umonde, kunye nokuzinikela ekuziphuculeni okuqhubekayo.”
UPakade ugqibezele ngelithi noxa engazange wafumana nkxaso-mali yangaphandle kwishishini lakhe, oluhambo belumalunga nokutyala izixhobo zakhe asele enazo kunye nokufunda nzulu ngezakhona kumakhasi onxibelelwano, kwaye ushishino luhambo lokomelela, ukuthanda, kunye nokukhula. Noxa indlela inokuba nzima, ukwakha into enentsingiselo kunye nefuthe kwenza yonke into ixabiseke.
Njengoko uMzantsi Afrika ulindeleke ukwenyuswa kwerhafu (VAT) ngomhla wokuqala (1) kuCanzibe ngowama-2025,
Uhlahlo lwabiwo-mali luka-2025 luzisa iseti entsha yemithetho, kodwa ngumdlalo amashishini amancinci anokuphumelela ngokupheleleyo ukuba irhafu inokuthi inyuke, kodwa kukwakho utyalo-mali kunye nenkxaso ejolise ekukhuliseni uqoqosho kunye nokubandakanya amashishini asakhulayo.