31.9 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

ISebe lezeMpilo lithi liyaqhubeka usuleleko lwe M-pox, eRhawutini.

ISebe lezeMpilo liqinisekisile ukuba iziganeko ezintathu ze-Mpox zifunyenwe Ekurhuleni, eRhawutini.

Ezi ziganeko zintsha zifunyenweyo ziquka indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala enikeze impawu ze-Mpox kwindawo yezonyango.

Ezinye iziganeko ezimbini eziqinisekisiweyo zezomntwana oyikwekwe oneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala nowasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala, abangabosulelwa besi sifo. Akakho onembali yokuhambela kwamanye amazwe okanye kwezinye indawo ezinamava okuqhambuka kwesi sifo.

ISithethi seSebe uFoster Mohale uthe lento ibonakalisa ukuba kukho ukosuleleka kwesi sifo okuqhubekayo apha elizweni.

“Oku kubonakalisa isidingo sokuqwalaselwa kolosuleleko, kuzokwazi ukufunywana kulawulwe iziganeko zolosuleleko msinya.”

Amanani olosuleleko lwe-Mpox ukususela ukuqhambuka kwayo kweyoCanzibe ngo-2024 ame kumashumi amathathu ananye (31) ngoku. Eli nani liquka iziganeko ezithandathu ezirekhodwe ukusukela ekuqaleni konyaka.

Abo bosulelekileyo bazohlule kwaye bafumana uncedo olufanelekileyo kubasebenzi bakumaziko empilo.

ISebe lithi libeke amaqela okuphendula koluqhambuko ephondweni bazokwazi ukulandela umkhondo baphande ngezi ziganeko kwindawo ezichaphazelekayo.

I-Mpox iqheleke njengesifo esingagqamanga kubulala.

“Umngcipheko wosuleleko olubanzi lusephantsi eMzantsi Afrika kodwa nabani na angosuleleka yi-Mpox nokuba uneminyaka emingaphi, usesiphi isini okanye uleliphi na ibala. Ukongeza, bobathathu aba bosulelwe yi-Mpox baye bafunyaniswa benaso nesifo esingaziwayo kwaye esingaqhelekanga esibizwa ngoba yi-Herpes Simplex Virus (HSV).

“Olu losuleleko lwentsholongwane lwenza amadyunguza abuhlungu okanye izilonda ezinwenwa ngokuncamathelana kwezikhumba okuquka ukuphuza nokwabelana ngesondo ngaphandle kokhuseleko. Kungoko, ukusetyenziswa kwezikhuseli ngendlela elungileyo kuhlala kuyeyona ndlela yokuzikhusela kwi-Herpes yesini nezinye izifo ezosuleleka ngokwabelana ngesondo.”

Ngokubanzi esi sifo asinazimpawu, siyalawuleka kodwa asinyangeki.

Impawu zaso ziquka ukurhawuzela okunohlala iveki ezimbini ukuya kwiveki ezine, umkhuhlane, intloko eqaqambayo, izihlunu eziqaqambayo, umqolo obuhlungu, umoya ophantsi namadlala adumbileyo.

Ekuqaleni kwenyanga, iSebe lazise iziganeko ezintathu eziqinisekisiweyo, nazo ezifunyenwe e-Ekurhuleni.

Isiguli sokuqala esaziswayo yindoda eneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala esuka e-Ekurhuleni, ebisandondwendwela eKampala, e-Uganda.

Abanye ababini ngabantu abahlala e-Ekurhuleni, indoda eneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala nowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala abafunyenwe xa kuqwalaselwa abantu ebebenxulumene nomnye owosulelweyo.

Isebe libongoza uluntu ukuba luziqaphele ngeso lokhozi impawu ze-Mpox.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
31.9 ° C
31.9 °
31.9 °
21 %
5.7kmh
99 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks