By Inga Mkalali.
USinelizwi Mtebele oneminyaka engamashumi amabini ananye (21) yintwazana yakwaBhaca, eMount Frere kwiphondo leMpuma Kapa namabanga akhe aphezulu uwafunde wawaqongqotha kule dolophu iqhayise ngobuhle nobunewunewu bendalo kwisikolo iMount Frere High school. Kulo nyaka ka-2025 wenza unyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zobuManejala noRhwebo kwiDyunivesithi iFort Hare eyaziwa njengokuba ku kwaNokholeji.
UMtebele ngethuba ethetha nentatheli yethu uvakalise ukuba ekukhuleni kwakhe wayengumntu owaye kuchulumancela ukufunda isiXhosa ngenxa yokuba wayethanda ukumamela oonondaba kumabonakude nakunomathotholo.
“Ndikhule ndikuthanda kakhulu ukufunda iincwadi zesiXhosa, ndandizigqatsa ndifundele ogxa bam iinoveli ne drama kuba yayiyinto endandiyithanda ukususela oko ndandikhula. Ngo 2020 xa ndandisenza ibanga leshumi elinanye (11 ) kukho incwadi eyayisithi Nathi Singabantu kukho abalinganiswa abohlukeneyo kuquka no msasazi kubo, ndaye ndadlala indima yomsasazi endayifunda ngobuchule nobunono ndisasaza abafundi bonke babanemincili kuquka nomfundisi-ntsapho.
Ukusukela ngalomini ndaqonda nasi isakhono ekufuneka ndisilandele, nda ndineminyaka elishumi elinesithandathu (16) ngeloxesha.”
“Kuba yayi selixesha likagqugqisayo lentsholongwane iCORONA nengunobangela weCovid-19, kwafika ixesha lokuba kuvalwe zimiswe ngxi iintshukumo zavalwa nezikolo, wayesithi rhoqo umama xa ebuya emsebenzini andiphathela iphephandaba ndifunde. Ndiqale ukufaka ushicilelo lwevidiyo zam kumakhasi onxibelelwano ngo-2022, kulapho ndaye ndazana noTikTok, ndafaka zambini ividiyo zam.
Ngo-2023 ndafaka zantathu, kuthe kunyaka ophelileyo ka-2024 ndaqonda ukuba le nto yokufunda indaba kwelikhasi lo nxibelelwano mandiyenze rhoqo de ndabe ndibona ukuba ndidiniwe kukufunda iindaba kuTikTok, ndakhangela izikhululo zikanomathotholo ezikufutshane neMonti ndafumana iKumkani FM ndayocela ukuphangela khona, ndisebenza ngemiGqibelo.”
“Ndaye ndahlala inyanga ezintlanu ndaze ndadlulela e-IKhala FM (Cookhouse) kwinyanga yeNkanga, nalapho ndifunde khona izinto ezininzi ukusukeza eku didiyeleni, ekubhaleni nase kukwazini ukubamba udliwanondlebe nabantu kwaye ndisekwanguye nomfundi wendaba kwesikhululo ngamaxesha eholide”.
USinelizwi uthi ukuze aqinisekise ukuba akukhonto isilelayo kwizifundo zakhe naku nomathotholo uye azibekele ixesha phakathi evekini ajongane nesikolo, ze ngempelaveki abengumfundi wendaba kunomathotholo.
Ubaxhobisile abantu ngelithi akukho ngxaki ngokohluka kwabanye abantu ngoba sonke ebomini sinenjongo ezohlukileyo kwaye izenyeliso namagama agwenxa ayakusoloko ephoswa umntu, kufuneka aqine, azimisele kwaye alithande iphupho lakhe futhi asebenze nzima.
“Ndingamcebisa umntu onephupho lokuba kunomathotholo ukuba angaqala kumakhasi onxibelelwano kwaye, aze angakuvumeli ukungenwa ngamanzi emadolweni ngenxa yendlela abantu abamamkela ngayo kwaye ayazi ukuba yonke into iqala kancinci nakum kwakunjalo, okufunekayo ngumonde nenzondelelo.
Kwiminyaka ezayo ndizibona ndiphangela eSABC kwiindaba zesiXhosa (SABC 1) eAuckland Park noTata uSiyavuya Sineke. Nangona ndiku nomathotholo ngoku eyonanto ndiyithanda kakhulu ngumabonakude”.

