By Asipile Kitchen.
Abacuphi abanamava bakwizithende zabarhanelwa abanetyala lokubulala isibini esineminyaka engama-39 nama-41 ubudala eyenzeke kwikhaya labo eDick kwingingqi yaseLusikisiki ngoLwesithathu, umhla wama-21 kuCanzibe malunga no-19H50.
Ingxelo yamapolisa ibonisa ukuba umyeni ufike ekhayeni kunye nesithuthi sakhe xa ekhonjwa ngompu ngamadoda amabini anxibe isigqumathelo. Kutyholwa ukuba la madoda mabini angaziwayo ebekhangela unkosikazi wakhe kwaye baya endlini nomyeni. Bathe bakufika endlini bacela inkosikazi nalapho ithe yavela kwigumbi lokulala baqalisa ukumdubula badubula nomyeni. Bobabini babhubhele kwindawo yexhwayelo beshiya umsebenzi wasekhaya wasetyhini engenamonzakalo.
I-SAPS iphanda ityala lokubulala kabini.
Amapolisa acela nabani na onolwazi ngokubulawa kwesi sibini ukuba atsalele umnxeba oyiNtloko yabaCuphi baseLusikisiki, uLieutenant Colonel Siyabulela Kufa ku-082 302 5118 okanye inombolo yeCrime Stop 08600 10111 okanye atsalele nasiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane.

